SA Under-23: UMzantsi Afrika uzibekele indawo kwimidlalo ye-Olimpiki!

Teboho Mokoena of South Africa celebrates goal with teammates during the 2019 U23 Olympic Qualifier 2020 match between South Africa and Zimbabwe at the Orlando Stadium, Soweto on the 06 September 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Abalandeli bebhola
ekhatywayo bafumene iindaba ezincumisayo namhlanje ngethuba iqela lesizwe, iSA
Under-23, lizibekela indawo kwimidlalo ye-Olimpiki eza kubanjelwe eTokyo, eJapan,
emva kokubetha iGhana ngo’6-5 kumapenela emdlalweni we-2019 Under-23 African
Cup of Nations obubanjelwe kwisixeko saseCairo, eYiphutha. UMzantsi Afrika
neGhana zigqibe amashumi alithoba emizuzu zibambene ngamagowuli amabini macala
(2-2) emdlalweni. Lo nto iye yanyanzela uzompempe obephethe umdlalo awase
kumapenela amaqela ngoba bekufuneka kubekho iqela eliza kuba lelesithathu
kulawo aza kumela i-Afrika kwimidlalo ye-Olimpiki kunyaka ozayo eTokyo.
Amakhwenkwe kaDavid Notoane atsazise igazi kuqala emdlalweni emva kokuba
uHabibi Mohammed weGhana egwaze ngomkhonto ekhaya ngebhola ebisuka kuMatlala
Makgalwa.

Image may contain: 10 people, people smiling, outdoor

Nangona
uMzantsi Afrika uye kwixesha lokuphumla uhamba phambili ngegowuli elinye – kodwa
ulahle inkitha yamathuba ebinokongeza ebhodini. Kwisigaba sesibini, uHJK
Helsinki Evan Mensah ufake igowuli lokulinganisa kunozinti woMzantsi Afrika,
uMondli Mpoto. Emva koko, uMahlatsi ufake igowuli lesibini loMzantsi Afrika
emdlalweni obunzima kakhulu. Abadlali beGhana banyuse umxakatho bakubona ukuba
ixesha liyemka. Emzuzwini wamashumi asibhozo anesihlanu, uSamuel Gyabaa, ufake
igowuli lesibini leGhana eliye lanyanzela umdlalo uye kumapenela. Baqhube
kakuhle kakhulu abadlali boMzantsi Afrika – kodwa elona qhawe ibe nguMondli
Mpoto othe wacika ipenela eyenze umahluko omkhulu. Abalandeli bebhola eMzantsi baza
kuxola ngoba iGhana ibethe kabuhlungu aBafana Bafana ngo’2-0 emdlalweni
ohlakulela iAfcon yooxholovane. Yimbali le kuDavid Notoane unikwe uxanduva
lokusa iqela eTokyo engakhange enze namalungiselelo.