SA Under-23: UNotoane uzama indlela eya kwiAfcon nakwiOlimpiki

ULuther Singh noDavid Notoane kulindeleke okokuba babe phambili xa uMzantsi Afrika udlala neZimbabwe umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Abadlali beqela lesizwe abaselula, iSouth African Under-23, bangungelene enkampini ekuqaleni kwale veki eMarks Park, eGoli – apho baqale amalungiselelo emidlalo ebalulekileyo emibini.

UMzantsi Afrika uza kuthathana neZimbabwe emdlalweni wokuzibekela indawo kwiUnder 23 Africa Cup of Nations (AFCON) ngomso (Lwesihlanu) eOrlando Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.

Kanti olandelayo uya kudlalelwa eBulawayo ngomhla weshumi. Kwiinyanga ezidlulileyo, iqela likaDavid Notoane likwazile ukufumana iziphumo ezihle kwaye uya emidlalweni ezayo enethemba lokufumana iziphumo ezincumisayo kwakhona.

Injongo yoMzantsi Afrika inye: kukuya kwiAFCON. Ingakumbi emva kokuba onke amaqela esizwe ekwazile ukudlala kwiitumente zehlabathi kulo nyaka.

UMzantsi Afrika kulindeleke okokuba ube phakathi kwamazwe asibhozo aza kudlala kwitumente ekuthiwa yi-8 Nations ekuza kuthi kuphume kuyo amazwe amathathu aya kuthi amele izwekazi leAfrika kwimidlalo yeOlimpiki.

UNotoane ebencume olukabhlankethe emva kokugaleleka kwabadlali bakhe ekukho phakathi kwabo abadlala eYurophu. Akukho badlali abonzakeleyo, lo nto ithethe ukuthi uNotoane uza kuba nethuba elihle lokukhetha elona qela labadlali elakuthi liqinisekise okokuba uMzantsi Afrika ufumana indawo yawo kwitumente yamaqela esizwe abadlali abaselula.

“Lindonwabisile kakhulu inani labadlali abafikileyo enkampini noxa abanye abadlali abafana noLyle Foster weMonaco, uKhanya Leshabale weLeicester City noKobamelo Kodisang odlalela iSporting Braga FC. Nangona kunjalo, kulindeleke bafike,” utshilo uNotoane ethetha neSafa.net ekuqaleni kwale veki.

Oonozinti: Mondli Mpoto, Darren Johnson, Andile Mbanjwa.

Abasemva: Siyabonga Ngezana, Keanu Cupido, Sandile Mthethwa, Kabelo Seriba, Sibusiso Mabiliso, Bongani Sam, Tercious Malepe.

Abasesiswini: Teboho Mokoena, Athenkosi Dlala, Gift Links, Keletso Makgalwa, Kamohelo Mahlatsi, Grant Margeman, Jamie Webber, Sipho Mbule, Thabo Cele, Khaya Leshabela.

Iifolosi: Luther Singh, Jemondre Dickens, Lyle Foster, Liam Jordan, Kobamelo Kodisang.