Sakutya efileyo kwidabi laseSoweto!

Kwilizwe laseSpain kukho idabi lamaSpanish eliphakathi kweReal Madrid neBarcelona, eli kuphuma kuyo abadlali abaphumelela iimbasa zokugqwesa kwihlabathi liphela.

Amanxila ebhola kwela lizwe athi yi ”El Classico” xa eliteketisa. Akudlalwa ke phaya, kuyadlalwa. Kwilizwe laseYiphutha kubekho idabi lakhona phakathi kweZamalek kunye ne-Al Ahly ekuthi xa zidlala ibengathi yimfazwe yemikhosi ngenxa yezokhuseleko ezibalapho.

Ufika xa kudlala la maqela zindyondya ngaphandle kwebala inqwelo zomkhosi ngenxa yonyhamnyheko kulo mdlalo neziphumo ezingaphela zisuba imiphefumlo.

KwelamaNgesi, iManchester United neLiverpool zilimisa ngxi ilizwe futhi kujongwa nexabiso lomdlali ngamnye ngokweponti yamaNgesi. Eli idabi libizwa ngokuba yi”North West Derby” yaye lilandelwa lihlabathi liphela.

KwelamaDutch ilizwe, pewwuuu! elona dabi liphakathi kwe-Ajax Amsterdam neFeyenoor, le nto athi amaDutch xa eyibiza “Die Klassieker”. Apha ibangathi kungaqhuma umbayimbayi nanini na xa kuqubisene wona.

Kwilizwe laseScotland awukho umdla odlwengula umxhelo njengedabi leRangers neCeltic, futhi njengalapha eMzantsi Afrika, eli dabi lohlula phakathi ipalamente yakhona. Leli kuthiwa yi”Old Firm Derby” nalapho iRangers isatshotsha phambili ngempumelelo kula amaqela.

AmaTaliyane awalali onke xa kuzakudlala i-AC Milan ne-Inter Milan kwidabi elaziwa ngokuba yi”Milan Derby”, phofu lingatsali mdla kubathandi bebhola bodwa kodwa nabatyali zimali futhi. Apho ungacinga ukuba ukummandla ka’Fayayo xa ufike ngosuku ekudlala la maqela omabini ngawo, ngakumbi kwibala iSan Siro Stadium.

Amajamani ayagula onke xa kuzakudlala i-”Der Klassieker”, idabi phakathi kweBayern Munich kune ne-Borrusia Dortmund. Ngowona mdlalo ubukelwayo kwilizwe lamaJamani lo nalapho isatshotsha entla iMunich.

Apha ekhaya e-Afrika elase Yiphutha idabi lisaphuma phambili namanye afana nelase Tunisia le-Esperance neClub Africain, elase Ivory Coast ekuthiwa yi-”Abidjan Derby” , apho kuchitheka igazi xa kuqubisene i-Asec Mimosa ne-Africa Sports.

AmaGhana wona axola xa ebukele iHearst Of Oak ne-Asante Kotoko ezafika apha eMzantsi Afrika ngo’2001 kukhuphiswano lweVodacom Challenge. Ngalo nyaka idabi lalapha eMzantsi Afrika laliphuma kwintlekele yase-Ellis Park Stadium, apho kwatshaba khona abantu abayi-43 nenkitha eyonzakalayo.

Le ndawana isifikisa kakuhle kweli lasekhaya idabi leKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates. Ndivuke ndicinga ukuba ngamava am; ndisasebenzela Amakhosi, bekungakhathaliseki nokuba elinye lalamaqela liqhuba kakubi kangakanani na, kodwa xa ejongene wona omabini, idla ngokuba yingca esengxakini. Kumdlalo wezikaMagebhula nabafana bokuthula noxolo, kuvuka nomvundla obuzifisile.

Eli dabi eMzantsi Afrika lilicanda phakathi ilizwe lethu; iityalike zicandeka phakathi, iirenki zeeTeksi zahluka kubini, iintsapho zahluka kubini, iindawo zentselo zahluka kubini, ipalamente kaMsholozi yahluka kubini, kantu nkqu nebhodi yolawulo lwePremier Soccer League nayo yahluka kubini.

Lo ayingomdlalo webhola kuphela, koko ngumnyhadala wokuphuma kwabantu beshiyisana ngokunxiba, ngenqwelo mafutha zala maxesha, ubuqhele-qhele nobumbheje-mbheje boosaziwayo nobuhle bamantokazi ezithe wambu ngezexabiso izivatho. Phantse ifane twatse nomdyarho wamahashe waseThekwini ngenyanga yekhala [July].

Ngomso sibona abaphathiswa, oosomashishini, nabadlali kooMabona Kude, iimvumi zelizwe; bonke aba bantu befuna ukuvela babonwe ukuba bayinxenye yesihika-hika sonyaka kumabala ebhola. Eyona nto ke kuphela komdlalo webhola owogqitha nkqu nemidlalo yeqela lesizwe, iBafana Bafana, lo ngomdla ebantwini kuba lidabi lenene.

Xa sikhangele kodwa indlela adikidiki ngayo nendlela obanda ngayo umdlalo wawo la maqela, kusenokwenzeka ingagcwali ncam inkundla yaseFNB Stadium ngakumbi ngenxa yabo bantliziyo zincinci nabo kambe bazifumene besiya nje kuba bencwase ukuzibonela abaqeqeshi bala maqela * -Eric Tinkler (Pirates) noSteve Khompela (Chiefs) bebhala iimviwo zabo zokugqibela ngabula bona.

Kutsha nje eyona nto ingahlangula isidima nomdla kweli dabi nakwaba baqeqeshi kukubona amanqaku macala omabini nokuba mangaphi na, ngoba yiyo leyo into efunwa ngabalandeli.

Ngomso kuzakuvalwa kwindawo zonke kuvulwe izibhedlele, neetyalike zodwa, kuba ingalala inkomo isengwa kwelinye lawo la aseSoweto. Amakhosi akwindawo yesine kwitafile yePSL ngelixa amaBhakaniya ekwindawo yeshumi elinanye!!!