Sandile Zuke: Ibhola ayivumanga ikungena emnatheni

Abadlali beChippa United bazame ngako konke okusemandleni wabo kumdlalo wanamhanje – kodwa ibhola ayivumanga ikubhakuzelisa umnatha. IiChilli Boys zidlale ntanganye ngo’o-0 neBloemfontein Celtic kumdlalo we-Absa Premier Soccer emalanga namhlanje eNelson Mandela Bay Stadium. Lo ngumdlalo wesine iChippa United ingafumani impumelelo kuwo. Kwiveki ephelileyo idlale ngokulingana neSuperSport United ngo’1-1 kumdlalo obuseLucas Moripe Stadium. Nangona la maqela edlale ibhola entlee ebaleni – kodwa into angakwazanga ukuyifumana ngamagowuli. UMoeketsi Sekola uphantse wayonzakalisa iCeltic kwisigaba sokuqala, ngelishwa ibhola yakhe ibethe epalini emva kokufumana ibhola entle ebisuka kuKurt Lentjies ekoneni.

Emva kokudala ibathwana lamathuba  – omabini la maqela akakwazanga ukubhalisa ebhodini sade saphela isiqingatha sokuqala. Lo nto ibangele aye kwisigaba sesibini ephantsi koxinizelelo ngoba [omabini] bekufuneka ewuphumelele umdlalo. Njengesiqhelo, ibhola ibibekwa phantsi kamnandi yiChippa United – kodwa eyona nto ibe nzima kuyo kukufaka amagowuli emnatheni. Ibingazibekanga phantsi konke konke nayo iCeltic kwelayo icala, uNdumiso Mabena noDeon Hotto bebeyinkathazo kakhulu. Iinguqu ezenziwe ngabaqeqeshi bobabini azincedanga nto kangako nangona kuye kwabonakala kukho umahluko emdlalweni. Bekunzima kakhulu ukuqhekeza iCeltic emva – kodwa uSekola ubanxaphisile abadlali bayo encediswa ngabadlali abafana neLentjies no-Abel Mabaso esiswini.

USandile Zuke, othe wachongwa njengoyena mdlali oqaqamba emdlalweni, uxelele iSuperSport TV okuba bazame yonke into – qha ibhola ayivumanga ukungena emnatheni. “Yaah, sizamile kakhulu ukudlala kakuhle namhlanje – kodwa impumelelo yalile. Sizamile ukudala amathuba emdlalweni, silwile – kodwa asikwazanga ukubeka ibhola emnatheni. Sidlale neqela elidlala ibhola entle futhi elidlale ngokuzimisela – kodwa ke asikwazanga ukulibetha. Ngoku into efunekayo kukulungisela umdlalo wethu neGolden Arrows qha. Siyababulela abalandeli bethu abasixhasayo; sisebenza nzima ngamaxesha onke futhi sizimisele ukubancumisa,” utshilo uZuke emva komdlalo.

Emva kwemidlalo emihlanu iChippa United iphumelele umdlalo omnye qha. Ibethwe kwimidlalo emibini, yadlala ntanganye kwemibini – ngoku ihleli kwindawo yeshumi elinambini emva kokuqokelela amanqaku amahlanu.

 

Chippa United: Akpeyi, Macheke, Okuosa, Konqobe, Maphanga, Mdlinzo, Zuke, 1Mvelase, Mako, Lentjies, Sekola.

Bloemfontein Celtic: Tignyemb, Pfumbidzai, Rikhotso, Ndengane, Mabena, Letsoalo, Letlabika, Baloyi, Hotto, Phalane, Mabasa.