Sangweni: Ndakuhlala ndiliBhakaniya

Umdlali wasemva kwi-Orlando Pirates, uSiyabonga Sangweni, wenze ilizwi lombulelo kusihlalo ugqirha Irvin Khoza nakooo gxa bakhe ngethuba alichithe nabo ngethuba edlala kweli qela.

Izolo kusasa uKhoza ukhwebe inkomfa yoonondaba eGoli apho abhengeze khona ukuba uSangweni ubeka phantsi ebholeni ekhatywayo ngenxa yokunanyathelwa kukonzakala.

Phantse kuzo zonke iisizini azidlalileyo apha kwiBucs ebephazanyiswa kukonzakala, kodwa ngoku ucetyiswe ngoogqirha ukuba anikezele. UNtsimbi wagqibela ukudlalela iPirates kumdlalo weCaf Confederation Cup ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo. “Ndiyalibulela ithuba endilinikwe ngusihlalo ukuze ndikwazi ukuthetha nani.

Ndiyambulela uSombawo ondinike amandla okudlala ibhola nako konke endakucelayo kuye. Ndiya- libulela eli qela nabo bonke abantu endisebenze nabo. Ndakuhlala ndiliBhakaniya,” utshilo uSangweni izolo.

Le ndedeba idlale indima ebalulekileyo kwimpumelelo yePirates kwiminyaka engephi edlulileyo, waphinda wanegalelo kwiinzame zeBucs kwimidlalo yeCaf Champions League amatyeli amabini, kanti nakwiqela lesizwe, iBafana Bafana, wenze umsebenzi obonakalayo.

pedro.mapelo@inl.co.za