Seyiqalile ukucoca indlu yayo iChippa United

Kurt Lentjies of Chippa United and Rhulani Manzini of Chippa United win the ball back during the2019 Telkom Knockout Quarter Finals game between Chippa United and Mamelodi Sundowns at Nelson Mandela Stadium in Port Elizabeth on 03 November 2019 Deryck Foster/BackpagePix

Njengokuba ngempelaveki
kuza kudlalwa imidlalo yokugqibela ngamaqela adlala kwi-Absa Premiership, yona
iChippa United sele iqalile ukucoca indlu yayo pambi kokusongwa konyaka. Iindaba
eziphuma enkampini yeChippa zithi abaphathi bayo bagqibe kwelokuba bakhulule
abadlali ababini abaneminyaka eliqela beyidlalela iChippa. Abo badlali
ziifolosi ezimbini uRhulani Manzini noLerato Manzini. Ingxelo ekutshwe yiChippa
izolo ithe bobabini abadlali bakhululwe ngesihle emva kweengxolo ezibe phakathi
kwabo neqela. URhulani noLerato ngabadlali abadlalele iChippa ixesha elide
phantsi kwabaqeqeshi abafana noDan Malesela noClinton Larsen – kodwa izinto
ziye zatshintsha phantsi koNorman Mapeza kule isizini.

                       Image may contain: text

Ukusukela
oko efikile uMapeza kwisithuba seenyanga ezimbini, imidlalo abayidlalileyo abadlali
bobabini imbalwa. Akothusi ke kambe ukuhamba kwabadlali abathile ngoba uMapeza
watsho kwantlandlolo ukuba kufuneka kuhanjiswe abadlali ukuze akwazi ukufumana
abadlali abanokuthi bancede iChippa United elwela ukuphepha izembe ngokufanayo
neesizini ezidlulileyo. Omnye wabadlali okuthiwa usendleni ehambayo ngunozinti,
uPatrick Tignyemb, ofike ekuqaleni kwesizini eqhubayo emva kokohlukana
neBloemfontein Celtic ebixikixwa ziingxaki zemali kwisizini egqithileyo. Ebusuku
ngoMgqibelo, iChippa iza kuzama ukufumana amanqaku amathathu xa idibana
neSuperSport United emdlalweni we-Absa Premiership oza kube useNelson Mandela
Bay Stadium.