Shabba: Izakufika siyilindile iDikwena

Phantse onke amehlo abalandeli bebhola ajonge umdlalo omkhulu ozakuba phakathi kwamaqela aseSoweto kwiveki ezayo.

Kodwa kuyanyanzelekile ukuba iChiefs iqale iqoshelise lo mdlalo we-Absa Premier Soccer League uphakathi kwayo nePlatinum Stars eCape Town Stadium ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe.

Amakhosi abuyela kwikhaya lawo elitsha eKapa ityeli lesibini [emva kokubetha iBidvest Wits kunyaka ophelileyo] eyiqonda kakuhle into yokuba lo mdlalo wawo neDikweni awusoze ubelula.

Rhoqo xa edibene la maqela kubangathi kudibene ingwe nengonyama kwaye iPlatinum inomkhwa wokuwawisa amaqela amakhulu.

Isenabo kakhulu ubungozi ngakumbi ngoku iphantsi kwesandla sendoda eyaziyo, uCavin Johnson. Ikapteni yeChiefs, uSiphiwe Tshabalala, ithi bazakuqhuba ngendlela abenza ngayo izinto ngesiqhelo. Imimoya iphezulu kwinkampu yeChiefs njengokuba ibethe iBloemfontein Celtic ngo’1-0.

Umqeqeshi wayo, uSteve Komphela, ebekade enxunguphele yinto yokudlala ntanganye kwimidlalo yabo emininzi ngoba lo nto iya babambezela. UTshabalala, obengumdlali oqaqambileyo kula mdlalo weCeltic, uthi imeko abazodlala phantsi kwayo eKapa yahlukile kuleya yaseFree State kwaye balindele umdlalo onzima.

“Yenye ingxaki le ekufuneka siyoyisile. IDikwena liqela elidlala kakuhle kakhulu, kodwa bazakufika sibalindile,” utshilo uTshabalala kwikhasi lomnatha leqela lakhe phambi komdlalo wempelaveki. “Sisaqhuba kakuhle kakhulu kule sizini.

Iqela lisebenza nzima kakhulu. Wonke umntu uzimisele , okwam nje kukuba ngumzekelo,” utsho uShabba. IPlatinum iya kulo mdlalo iqhwalela emva kokubethwa yiFree State Stars ngo’2-1 kwimpelaveki edlulileyo, kodwa apha kulo umdlalo iqubisana kuwo neChiefs ifuna amanqaku apheleleyo ukuze yonyukele phezulu.

Nawo amakhwenkwe kaKomphela afuna ukuphumelela ukuze anyukele phezulu kunendawo yesine akuyo ngoku.