Ukapteni weKaizer Chiefs, uSiphiwe Tshabalala, uthi ukuphuncuka komdlalo sowusengxoweni ngenxa yegowuli elifakwe ngomzuzu wokugqibela lityala labo, bengabadlali.
Amakhosi akakwazanga ukuphumelela umdlalo wesithandathu ngoLwesibini ilandelelana emva kokuba eyeke iBlack Aces yafaka igowuli lokulinganisa kumdlalo weAbsa Premier Soccer League ophele ngo’2-2 eMbombela Stadium.
YiChiefs ehambe phambili kwizigaba zozibini zomdlalo, kodwa ayikwazanga ukukhusela amagowuli ayo. Idlale kakuhle ke kambe ngoba bonke abadlali badlale ngokukhulu ukukhuthala, futhi kucaca ukuba bafuna ukuphumelela nangona ibingaziyekelanga i-Aces. Imkhathazile lo nto uSteve Komphela ngoba bekubonakala ukuba ebewulungiselele umdlalo.
“IChiefs ibinamandla namathuba okuphumelela umdlalo, kodwa izinto aziyihambelanga kakuhle. Abadlali kufuneka bafunde kule midlalo, kudala noko kunje,” utshilo uKomphela emva komdlalo.
Ukhawuleze wavuma uShabba ukuba ingxaki ikubo. “Umdlalo ubumhle kakhulu. Besiwulambele, besizimisele, kwaye namathuba amaninzi besinawo. ndiliphoxile iqela lam ngomzuzu wokugqibela, isibambe esiswini i-Aces ukuze ifake igowuli lokugqibela, kodwa sidlale kakuhle emdlalweni,” utshilo uTshabalala.
UShabba uvale ngelizwi elithi, kukho ubumbano nentsebenziswano kwiqela lakhe, futhi makungagxekwa umqeqeshi, makugxekwe bona badlali. Amakhosi amkela iAjax Cape Town eFNB Stadium ngo’20:15 ngoMgqibelo.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo