Njengokuba itumente yehlabathi yombhoxo ingena kuvuthondaba, abaqeqeshi beSpringbok baqonde ukuba mabangenzi izinto njengesiqhelo ukuze babhide umtyholi. AmaBhokobhoko abila esoma enkampini alungiselela kuyo ukudibana neFrance emdlalweni omkhulu oza kube useStade de France, ePeris, ngentsimbi yethoba ebusuku ngeCawe. URassie Erasmus noJacques Nienaber baqhele ukubhengeza amagama wabadlali abaza kudlala kwangoko evekini. Kodwa kweli ityeli, bagqibe kwelokuba basenze isibhengezo ngoLwesihlanu xa kuqala impelaveki.
Oku bakwenza kuba bengafuni ukudandalazisa elubala isicwangciso sabo somdlalo xa bedibana neFrance – elinye lamaqela ayingozi kwitumente yehlabathi yalo nyaka futhi eza kube idlalela phambi kwabalandeli bayo. Kunyanzelekile ukuba abaqeqeshi baqule baligangathe ngoba iFrance ne-Ireland ngamazwe azimisele ukuphelisa ubunganga bamazwe afana noMzantsi Afrika neNew Zealand embhoxweni wehlabathi. Ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki, uDeon Davids uthe kukho into abayiphekayo abafuna ukuwisa ngayo iFrance phambi kwabalandeli bayo.
“Emdlalweni ngamnye, kubalulekile ukuza neqhinga elitsha oza kubhida ngalo iqela odlala nalo,” utshilo olisekela likaNienaber. UMzantsi Afrika udlulele kwisigaba sesibini setumente yehlabathi emva kokuba ubethe iTonga ngo’49-18 kutshanje, kanti yona iFrance ibethe amaTaliyane ngo’60-7 kwimpelaveki egqithileyo. Okunye okuza kuqhezeka iintloko zabaqeqeshi kukunyanzeleka ukuba bakhethe phakathi kukaManie Libbok okhe akawakhaba kakuhle amapenela noHandre Pollard ofike wafaka amapenela emdlalweni ogqithileyo. Kukho noLukhanyo Am ofike mva enkampini.
“Kubaluleke kakhulu ukuhlalutya indlela edlala ngayo iFrance esiza kudibana nayo ngoba sikhangela indlela yokuyibhukuqa singaswayanga kwiintsika zethu esiqine ngazo. Sikhangela indlela entsha yokwenza izinto singayiguqulanga indlela esidlala ngayo,” utshilo uDavids ekuqaleni kweveki eFrance esingethe itumente. Omnye umdlalo ongeCawe uphakathi kweNgilane neFiji ngentsimbi yesihlanu emalanga. Kanti ngoMgqibelo iWales idibana ne’Argentina ngentsimbi yesihlanu emalanga, yona i-Ireland idibane neNew Zealand ngentsimbi yethoba ebusuku.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya