Sichaziwe ngumqeqeshi isizathu sokukhululwa kukaThembinkosi Lorch

UThembinkosi Lorch uza kudlalela iWydad Athletic Club emva kokubolekiswa ngaye yiMamelodi Sundowns.

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, uchaze isizathu esibangele akhululwe uThembinkosi Lorch kwiveki ephelileyo. Phambi kokuvalwa kwexesha lokuthengwa kwabadlali kwiveki ephelileyo, iSundowns ikhuphe isibhengezo esithi uLorch uza kubolekwa iWydad Athletic Club yaseMorocco.

Abalandeli bebhola baye bazibuza ukuba ingaba ukuhamba kwakhe kunento yokwenza na nendlela asebenza ngayo xa esebaleni. Umqeqeshi uye wabuzwa ziintatheli emva komdlalo ngempelaveki edlulileyo.

“ULorch ebengonwabanga kwiSundowns,” utshilo uCardoso emva kokuba iSundowns ibhulele amasaka iGolden Arrows ngamagowuli amane eqandeni emdlalweni obusePitoli. Emva kokuhamba kukaRulani Mokwena kunyaka ophelileyo, kwaye kwavakala ukuba zange avisisane noFlemming Berg ngokuthenga kwakhe uLorch owayedlalela iPirates ngoko.

Ngoku uLorch, 31, uza kudlala phantsi kukaMokwena kwiqela azama ukubuyisa isidima salo ebholeni yase’Afrika. UCardoso uthe kubalulekile kuye ukugcina umntu owonwabileyo eqeleni lakhe. “Kubalulekile ukonwaba kwabadlali. Asingeke sikwazi ukugcina abadlali abangonwabanga ngoba abazukwazi ukusebenza kakuhle.

“Nakubo kuyafuneka ukusebenza ngokukhululekileyo ukuze umdlali afumane nethuba lokudlala. ULorch akemncinananga futhi akadlalanga kakhulu eminyakeni embalwa egqithileyo. Yiyo lo nto kuye kwabaluleka kuthi ukumkhulula,” utshilo umqeqeshi weSundowns.

Abanye abadlali ekubolekiswe ngabo nguLesika Nku oye kwiStellenbosch FC noLebo Maboe oye kwiSuperSport United. Bobabini abadlali banethuba elide bengadlali kakuhle. UMaboe ukhe wadlala kancinci ekuqaleni kwesizini eqhubekayo phantsi kukaManqoba Mngqithi – kodwa akadlala ngoku kukho uCardoso. Akothusanga nokuhamba kwakhe uNku ngoba ngumdlali owayefunwe nguRulani Mokwena.