USimamkele ‘Le Roux’ Ganati uzamkele ngovuyo iziphumo ezihle ezifunyenwe liqela lakhe emdlalweni wesibini weBrutten Top 10 watsho esithi badlalela ukubonwa. Echwayitile, uSimamkele uthethe oku emva kokuba iLovedale College iguqise phantsi i’United Brothers ngo’37-27 ebikhokela emdlalweni obuseSisa Dukashe Stadium, eMdantsane, ngoMgqibelo ogqithileyo.
Amakhwenkwe kaSoso Kiva aye emdlalweni wesibini weBrutten Top 10 esophisa emva kokubethwa yiEL Police ngongciphu ka’21-20 emdlalweni wokuqala. Bekunyanzelekile ukuba iLovedale yenze izilungiso zomdlalo wokuqala. Umoya ombi eMdantsane ubenalo ifuthe emdlalweni, iLovedale khange isidlale ngendlela encumisayo isiqingatha sokuqala.
Ikwazile iBrothers, ebityhalwa ngumoya, ukucholachola amanqaku – kodwa abadlali beLovedale khange bathezeke amandla. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iBrothers inethuba lokuphumelela umdlalo okokuqala kwiBrutten Top 10 emva kokuba ibethwe yiSwallows emdlalweni wokuvula itumente. Abadlali beLovedale babuye ekhefini bedlokova kakubi.
Ebunzimeni, balele emgceni izihlandlo eziliqela baziqabelisa neebhola zabo. Ngenxa yokunganikezeli emdlalweni, iqela likaSimamkele liphumelele latsho lahlala phezulu kwiPool A. “Isiqalo somdlalo besinzima kakhulu, andifuni ukuxoka. Asikwazanga ukuzikhusela kwiBrothers ebisiza kuthi ingxamile.
“Phambi kwesigaba sesibini, umqeqeshi uthethile nathi wasibonisa indlela yokulwa,” utshilo uGanati onikwe iwonga emva komdlalo. Noxa ethe wangumdlali ogqwesileyo emdlalweni, uSimamkele Ganati akonelanga yindlela adlale ngayo. “Indlela endidlale ngayo ibingeyiyo le ndiyiqhelileyo. Ndibulela uThixo ngokuchongwa kwam.
“Kuyasivuyisa ukudlala kwiBrutten Top 10 ngoba kusinika ithuba lokubonisa ukuba ukhona umbhoxo eLovedale College. Yinto enkulu kuthi ukudlala apha ngoba sizokuziveza. Sifuna ukubonwa ukuba siyawudlala umbhoxo. Le tumente isisondeza kubachongi betalente,” utshilo uGanati oyingozi.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo