Sifuna kuphuhliswe ulutsha isikhulu seMaritzburg United

Emva kokungabikho komqeqeshi oyintloko kwiMaritzburg United isithuba esingaphaya kwenyanga, kwiveki ezayo eli qela lizakubhengeza umqeqeshi omtsha. Ukuqeshwa komqeqeshi kulandela ukunikezela kuka-Ernst Middendorp ekuzeni kuphela konya ophelileyo emva kokuphanza kweenzame zakhe zokufumana iziphumo ezincumisayo ukusukela ekuqaleni kwesizini. Iintambo bezixhuzulwa nguFadlu Davids ngethuba lokukhangela umqeqeshi.

Usihlalo weMaritzburg United, umn. Farook Kadodia, uthi baliqoshelisile iphulo labo, beliqela, lokukhangela umqeqeshi – kodwa ufuna lo mqeqeshi uzayo abeke phambili inkqubo yophuhliso lwabadlali abatsha.

Njengokuba amaqela ethe saa iinzane ngeli xesha efuna macala onke abadlali, nayo iMaritzburg United izakwenza njalo – kodwa lo nto izakuthi yenziwe ngokubambisana nomqeqeshi omtsha ozayo.

“Sizakugqibezela imiba yengqesho yomqeqeshi omtsha kule mpelaveki, isaziso segama lomqeqeshi sakuthi senziwe kwiveki ezayo. Malunga nabadlali abatsha, sizakulinda ukufika komqeqeshi omtsha ngoba izimvo zakhe zibalulekile kuthengo lwabadlali. Umqeqeshi ozayo nguye ozakukhokela kumba wabadlali abathengwayo – ngoba akukho nto isixheshayo thina ngoku,” utshilo uKadodia kwikhasi lomnatha.

Lo kaKadodia uyibeke yacaca into ethi inkqubo yomqeqeshi kufuneka ihambelane nophuhliso lwabadlali.

“Ikamva lixhomekeke kuphiso lwabadlali abatsha. Kule sizini sibabonile abadlali abatsha benyuselwa, ngakumbi abalendawo sikuyo. Sakuqhubela phambili ke nalo nto. Yiyo lo nto sifuna ukuqinisekisa ukuba umsebenzi wophuhliso kumaqela wethu amancinane uyahlala. Yiyo lo nto iliso lethu silibeke kubaqeqeshi abakholelwayo ekuhlunyisweni kwabadlali abatsha,” utshilo uKadodia.

Omnye wabaqeqeshi ekucingeleka ukuba bangathatha esi sikhundla nguRoger de Sa obefudula eqeqesha i-Ajax Cape Town.