Sifuna ukubetha iintak’ezimbini ngelitye elinye kwiWafcon, utsho uKgatlane

UThembi Kgatlana noLydia Monyepao. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika liqule laligangatha njengokuba lilungiselela ukulwela eyona ndebe enkulu kwizwekazi le-Afrika kwakhona. ABanyana Banyana sebeneveki beseMorocco – apho kusingathwe iWomen Africa Cup of Nations (Wafcon) eza kuqala ngomhla wesibini kwinyanga yeKhala ukuyakuthi xhaxhe ngomhla wamashumi amabini anesithathu. Landisiwe inani lamazwe aza kuthatha inxaxheba kwiWafcon yalo unyaka ukusuka kwasibhozo ukuya kwalishumi elinesibini. UMzantsi Afrika uphakathi kwamazwe anethuba lokuphumelela indebe ngenxa yabadlali abasemgangathweni onabo. Ifolosi ephambili yoMzantsi Afrika, uThembi Kgatlana, wazi kakuhle ukuba yena noogxa bakhe kufuneka balwe kube mdaka iisali ukuze babuye nendebe eMorocco.

Kwitumente (Wafcon) eyayibanjelwe eGhana ngonyaka ka-2018, uMzantsi Afrika wakhutshwa yiNigeria kumapenela. UKgatlane, owabuya newonga lomdlali wetumente, uthi iWafcon iyamchulumancisa kakhulu. “Zimbini izinto esizifunayo siliqela. Eyokuqala kukuzibekela indawo kwiNdebe yeHlabathi eza kube ise-Australia naseNew Zealand. Eyesibini kukuphumelela indebe yeWafcon,” utshilo uKgatlane odlalela iqela laseYurophu. “Ndiyabazi abantu balindele lukhulu ngenxa yendlela endadlala kwitumente egqithileyo. Ndiya kule itumente ndineenkumbulo zetumente egqithileyo.

“Inye kodwa into endiyifunayo: kukuba ngumdlali weqela – hayi odlalela isiqu sakhe. Itumente iza kubande kulo unyaka kwaye siza kudinga abadlali abanamandla. Kumnandi ngoba abaqeqehi bazawukwazi ukundiphumza okanye nokuba ngowuphi umdlali,” utshilo uKgatlana. Ibhonasi yezigidi ezilishumi abathenjiswe ngayo abadlali iza kubakhuthaza kakhulu. Ngaphezulu koko, uMzantsi Afrika ufuna ukuzibonakalisa ukuba ulelinye lamazwe aphambili kwibhola ekhatywayo yamanenekazi ngokuphumelela eyona ndebe ibalulekileyo. Amazwe akuGroup C aquka uMzantsi Afrika, iNigeria, iBotswana neBurundi. UMzantsi uza kufuna ukubuyisa izitya xa udibana neNigeria emdlalweni wokuqala ngomhla wesine kweyeKhala.