‘Sifuna ukubuyela kundalashe wokuqokelela iindebe kwiChiefs’

Umqeqeshi weKaizer Chiefs uSteve Komphela

Emva kweenyanga ezimbini amaqela ethathe ikhefu, ngoku abuyela enkomeni ngomfutho omkhulu.

Kule veki kuzakucaca indoda emakhwenkweni xa amaqela aphambili kwiPSL azakube evana amandla kwimidlalo yeMTN 8 ekhatshwa zizigidi ezisibhozo.

Umdlalo wokuqala uphakathi kweentshatsheli iBidvest Wits neGolden Arrows ngo’20:00 eBidvest Stadium, ngoLwesihlanu. Lo mdlalo ujongwe kakhulu ngoba iWits izakube ikhusela indebe eyayiphumelela kunyaka ophelileyo. NgoMgqibelo ngo’15:00, iCape Town City yamkela iPolokwane City kumdlalo okulindeleke ubenzima eCape Town Stadium.

Abantu abaninzi bazakube benomdla wokubona ukuba iCitizens izakuqhuba njani phantsi kukaBenni McCarthy ongene endaweni ka-Eric Tinkler. Lithuba lokubona into abhinqe ngayo uMcCarthy.

Umdlalo ojongwe ngamehlo abomvu useMoses Mabhida Stadium – apho iKaizer Chiefs izakungquzulana neSuperSport United. Uxinizelelo lusemagxeni kaSteve Komphela nabadlali bakhe emva kokuvala isizini egqithileyo belambatha.

Eli lithuba leChiefs lokuguqula izinto nokubuyisela uncumo kubalandeli. UKomphela uyakuqonda ukubaluleka kwalo mdlalo nomahluko onokwenzeka ukuba iqela lakhe liphumelele. Yimpumelelo qha ayifunayo – kodwa uyazi ukuba soze kubelula ukubetha iSuperSport.

“Kumdlalo ozakuba nzima. Liqela elidlala umdlalo omhle, kukho nabadlali abatsha – kodwa ngaphezulu kukho uTinkler,” utshilo uKomphela.

“Siya kulo mdlalo sinenjongo yokuya kumjikelo olandelayo sifuna nokuyiphumelela le ndebe. Sizimisele ukuyiqala kakuhle iMTN 8 ngokuphumelela. Siwenzile amalungiselelo, sizimisele ukubuyela kundalashe wokuqokelela iindebe. Kufuneka abadlali abatsha bakhawuleze bangene endimeni ngoba sizimisele ukuyitshaya isaqhuma,” utshilo uKomphela.

Amatsatsantsa a Pitori awoyisile Amakhosi kumdlalo weNedbank Cup ayiphumeleleyo kwisizini edlulileyo – kodwa kulindeleke aqale apho ayeke khona.

UTinkler ukhangela indlela yokuzibonakalisa zisuka kwiqela elitsha. Yona iMamelodi Sundowns yamkela iMaritzburg United ngo’15:00 eLucas Moripe Stadium ngeCawe.