‘Sifuna ukubuyisela amanqindi elokishini’

UNkosikazi uSindiswa Klass-Makinana, weSindi K Promotions, uzimisele ukubuyisela umdlalo wamanqindi elokishini.

Ukuthethe oku emva kokusingatha itumente yakhe yokuqala kwiholo laseGompo kwiveki ephelileyo. Itumente yakhe ibinemidlalo esibhozo yeembethi manqindi ezisakhasayo.

“Uninzi lwabantu abathanda nabadlala umdlalo wamanqindi ngabaselokishini. Yiyo lo nto siyizise apha itumente yethu yokuqala,” utshilo uKlass-Makinana.

UKlass-Makinana ukholelwa ukuba kuninzi abakufundileyo emva kokusingatha itumente yokuqala. “Ebenzima amalungiselelo – kodwa kuninzi esikufundileyo,” utshilo.

Lo mququzeleli wemilo yamanqindi uthembisa ngokuphinda asingathe eminye imilo engaphelanga u2018.

“Siza kuphinda senze enye itumente ungaphelanga lo nyaka, nayo siza kuyizisa apha,” utshilo uKlass-Makinana.

Iziphumo: uLuthando Mbumbulwana ubethe uLihle Gingxana ngamanqaku kumlo othathe imijikelo emithandathu ubukudidi lweJunior Featherweight. USiphenathi Nobande uphumelele ngamanqaku umlo ebetha uThandolwethu Mxoli; uPhumelela Cafu noLandi Gengxe badlale ntanganye. Uphume etshaya uThandolwethu Nkwenteni kumlo wakhe noBalungile Nxozana. Yomithathu imilo ibinemijikelo emine kudidi lweJunior Fly.

UQuinto Vice ubethe walala ngophotho uAthi Mahanjana kwiMiddle Weight. ULubabalo Sodoli uxhimfe uZamuxolo Pongomile, uSabelo Tokwe ungombe uAndile Mlokoti. UMalakhi Sobolo ubethe uThinumzi Gqola. Kwezinye iindaba zamanqindi: iRumble Afrika Promotions iza kusingatha itumente enemilo yeembethimanqindi ezisakhasayo ngoMgqibelo, eIndoor Sports Centre, eMdantsane.

Le tumente inemilo elishumi kwaye iqala ngentsimbi yokuqala emva kwemini.

isibhalo@inl.co.za