‘Sifuna ukuyiphumelela iSupersport Challenge’

IGriquas zibethe iSharks ngo’38-34 kumdlalo ubutak’iintlantsi ngeyona ndlela eSisa Dukashe kwiveki ephelileyo kumdlalo weSupersport Challenge.

La maqela alale amatyeli alishumi elinesibini emgceni emdlalweni. Impumelelo iwabeke phezulu kumanqwanqwa kaPool Central amakhwenkwe kaPeter Engledow, ngelixa kusenzima kwiSharks.

UPeter Engledow ukholelwa ukuba impumelelo yangeCawa ibanika ithemba lokuyiphumelela indebe yeSupersport Challenge.

“Ubunzima lo mdlalo, basebenzile abadlali bam. Le mpumelelo isinike ithemba lokuba singakwazi ukuyiphumelela le tumente,”utshilo uEngledow.

Nangona bewuphumelele umdlalo – kodwa uEngledow ukholelwa ukuba kuninzi ekufuneka kulungisiwe liqela lakhe.

“Ewe, siwuphumelele kakuhle umdlalo, kodwa zininzi iimpazamo esizenzileyo,” utshilo uEngledow.

Kanti umqeqeshi weSharks, uRicardo Loubscher, uthi ukuphulukana kwabo namanqaku emdlalweni kuwanciphise kakhulu amathuba okuya kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi.

“Besizimisele ukuwuphumelela lo mdlalo. Kuza kubanzima kuthi ukuzibekela indawo kwimidlalo eyandulela eyamagqibela kankqoyi. Kwiveki ezayo sindwendwela iFree State Cheetahs eBloemfontein. Kunzima ukufumana amanqaku ke phaya,” utshilo uLoubscher.

Komnye umdlalo, iEP Elephants iphumelele umdlalo wayo wokuqala kule tumente emva kokubetha iBorder Bulldogs ngo’26-14.

Omabini la maqela akakwazanga ukuzibekela indawo kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi. Kumdlalo wamaqela angahlawulwayo, iNtlaza Lions ihlaze iBlack Eagles kanobom ngethuba iyibetha ngo’41-12.

Bobabini abaqeqeshi bamaqela bakuvuyele ukuvela kumabonakude. Umqeqeshi weBlack Eagles, uVusumzi Makeleni, ukhale ngokuswela ifolosi emva komdlalo.

“Sibethakele kakhulu phambili, asinazo tu iifolosi,” utshilo uMakeleni.

Umqeqeshi weNtlaza Lions, uMphumzi Ndamase, uthi ukuhlela kakuhle phambi komdlalo kuko okubancedileyo.

“Sisebenze kakhulu kumalungiselelo alo mdlalo. Yonke into yenzeke ngokwendlela ebesihlele ngayo,” utshilo Ndamase.