“Sifuna ukuyithelekisa nabalandeli bayo iMazembe”

Eric Tinkler, coach of Supersport United and Thuso Phala of Supersport United during the CAF Confederations Cup final Supersport United press conference at Megawatt Park, Johannesburg on 15 November 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Namhlanje iSuperSport
United izakungena kwinkundla yeTP Mazembe – apho izimisele ukuqala khona
ukuphumeza khona injongo yayo yokuphumelela indebe yelizwekazi le-Afrika
okokuqala kwimbali yayo. Amatsatsantsa a Pitori athathana neMazembe kumdlalo
weCaf Confederation Cup ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga eStade TP
Mazembe ekulindeleke ukuba igcwale ime ngeembambo njengesiqhelo. IMazembe ziintshatsheli
ezikhuselayo zale ndebe – kodwa iSuperSport United izithembile. Amakhwenkwe
ka-Eric Tinkler akhe adlala neTP Mazembe kolu khuphiswano kumdlalo owaphela
ebambene ngo’2-2 la maqela. Leyo yenye yezinto ezibangele uTinkler aye
eDemocratic Republic
of Congo
ngomzimba
ongenaxhala – uyazi akulindeleyo kwiMazembe nakubalandeli bayo.

Esona sixhobo
seMazembe ngabalandeli bayo abadume ngokuzoyikisa iindwendwe. UTinkler
ufikelela ityeli lesibini kumdlalo wamagqibela kankqoyi weConfederation Cup.
Wayeqeqesha i-Orlando Pirates ngo-2015 ngethuba esiwa phantsi kwityeli lakhe
lokuqala. Ukuba iSuperSport United iyaphumelela izakongeza kwindebe yeNedbank
neMTN 8 eziphunyelelwe leli qela lasePitoli kwisithuba esingaphantsi konyaka. Umdlali
weSuperSport ophambili, uThuso Phala, ulithembile iqela lakhe kwaye uthi
bazimisele (bengabadlali) ukuthelekisa iMazembe nabalandeli bayo abangakufuniyo
ukubethwa. Nakubeni kukho ukuzithemba kubadlali beSuperSport United phambi
kwalo mdlalo – kodwa baseCongo besazi ukuba banomsebenzi onzima kakhulu phambi
kwabo.

“Sifuna
ukuyithelekisa nabalandeli bayo iMazembe. Xa unabalandeli abaninzi abaqhele
impumelelo – kuba lula kakhulu ukubakhathaza xa iqela likhaqhubi kakuhle.
Sifuna ukuya phaya sinento enye: ukudlala ibhola ephucukileyo,” utshilo uPhala
phambi kokuntingela eCongo.

Abadlali
abanamava beSuperSport United abafana noDean Furman, uClayton Daniels, uMorgan
Gould noJeremy Brockie bebexakekile kumaqela esizwe – kodwa njengamajoni, kuya
nyanzeleka babekhona kumdlalo wanamhlanje. UTinkler uzakuthembe kuBrockie ofake
amagowuli aseshumini kolu khuphiswano eyedwa.