‘Sifuna ukwenza bhetele kwiAfcon’, utsho uRonwen Williams

UKapteni weqela lesizwe loMzantsi Afrika, uRonwen Williams, uthi kufuneka benze bhetele kunonyaka abagqibele ngawo kwiAfrican Cup of Nations (Afcon) yalo nyaka. OkaWilliams ukuthethe oku phambi kokunduluka kwaBafana Bafana abalibangise kwelase-Ivory Coast eza kusingatha eyona tumente yebhola ekhatywayo enkulu kwizwekazi le’Afrika.

Ethetha esenkampini ebibanjelwe eStellenbosch, uWilliams uthe bengabadlali bazimisele ukulwela indawo ebhetele kwiAfcon noxa besazi ukuba indlela yabo ngeke ibe lula.

UMzantsi Afrika uthelekiswe namazwe alushica afana neTunisia, iMali neNamibia. ABafana Bafana baza kubeka ithemba labo kubadlali abanamava abaquka uWilliams okhe waya kwiAfcon, uThemba Zwane oneminyaka edlala kwiCAF Champions League noPercy Tau okhe wadlala naye kwiAfcon kwiminyaka eyadlulayo phantsi kukaStuart Baxter owayengumqeqeshi. “Sinethemba lokwenza umsebenzi ongcono kunalowo sawenza ngonyaka ka2019,” utshilo uWilliams ethetha neSafa.net ekuqaleni kwale veki.

Nakubeni ungazange uhambe umgama omde ngo2019 – kodwa uMzantsi Afrika wazenzela igama ngokubethela iYiphutha phambi kwabalandeli bayo. Kulo unyaka, uya uphantsi koxinizelelo emva kokuba aBanyana Banyana bephumelele iWafcon benza ngcono nakwiFIFA Women’s World Cup kunyaka ophelileyo.

“Ukugqibela kwethu sasiphakathi kwamaqela asibhozo (Top8. Ingenzeka le nto siyifunayo nakulo unyaka – kodwa ngeke yenzeke lula ngoba sikhe sanethuba elide singadlali kwiAfcon. Kodwa nakubeni kunjalo, kumnandi kum ukuba lilungu leqela labadlali esinabo ngoku.

“Ndicinga ukuba senze umsebenzi omhle kule minyaka emibini egqithileyo. Zikhona izinto esizifundileyo kule minyaka edlulileyo. Okwethu thina badlali asebevela kwiAfcon kukwabelana ngolwazi nabanye abadlali ngoba kuza kuba nzima njengokuba siza kudlala imidlalo yethu phakathi kweentsuku ezintathu ukuya kwezine.

Kunzima ukudlala imidlalo ekwinqanaba eliphezulu – kodwa siza kuzama ukuthetha nabadlali abangazange badlala kwiAfcon ngaphambili,” utshilo uRonwen. ABafana Bafana baza kudibana neMali ngoLwesini weveki ezayo, badibane neNamibia neTunisia ngokulandelelana.