Sifundisana indlela yokuziphatha kwi-Orlando Pirates: Luleka

Namhlanje I’solezwe lesiXhosa lithetha nosisi ozithadela ibhola ekhatywayo kakhulu. Usixelela ngezinto ezibalulekileyo xa ungumlandeli webhola, ingakumbi xa ungumlandeli weOrlando Pirates, iqela alithandayo kakhulu.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Ngokufutshane, ungubani, uhlalaphi?

Luleka Isaac: NdinguLuleka Isaac, ndihlala eQuigney kwalapha eMonti.

PM: Uqale nini ukuba ngumlandeli weOrlando Pirates, ibhola yona uqale njani ukuyilandela okanye wancedwa ngoobani?

LI: Mandithi ndikhule ndisazi ukuba iqela lebhola elikhoyo apha eMzantsi yi-Orlando Pirates kuba ndikhule utata wam engumlandeli omkhulu weli qela, nam ke ndalandela ekhondweni. Ngo-2013 ndazibandakanya ne-East London Supporters Branch.

PM: Kunjani ukuba ngumlandeli weBhakaniya?

LI: Kumnandi kakhulu, ingakumbi xa uyibukele nabalandeli bamanye amaqela, okanye nisebaleni nonke, nokuba nisebaleni niyathuthuzelana ude ulibale nokuba nibethiwe.

Siphinde ke sibenento yokuqhayisa ngoba lelethu kuphela iqela elinenkwenkwezi apha eMzantsi, ikwasithi sodwa ababamba iindebe ezintanthu kwisizini enye. Liphinde eli qela lethu lajika kumagqibela kankqoyi kwi-Caf Confederation Cup nakwiCaf Champions League, into amanye amaqela alapha eMzantsi ewasokolisayo kakhulu.

PM: Kubaluleke nantoni ukuba yinxalenye yesebe leqela lakho?

LI: Siyafundisana iindlela yokuziphatha xa sidibene nabanye abalandeli bebhola. Sisoloko sizama ukwenza izinto ezikhupha ulutsha ekwenzeni izinto ezingalunganga; ezinje ngeziyobisi. Umzekelo: Siye sibe nemidlalo esiyiququzelelayo ngempelaveki, sikwalilo noncedo kubahlali abangathathintweni. Siye sizame uqokolela iisentana esinazo sibathengele noba yinto esiwa phantsi kwempumlo.

Enye yeendawo esesiye kabini kuyo yiKhulanathi Childrens Home eScenery Park, siye sicelele ke namanye amalungu asazise ngemeko yeendawo asuka kuzo ukuze sibone ukuba singanceda phi thina sileli sebe. Apha ke kweli lethu isebe sinayo ikomiti, kodwa sisebenzisana sonke ngoba yinto yethu sonke le, ikomiti isinika nje umkhomba ndlela.

PM:Unqwenela ukuba kwenzeke ntoni kwiBucs kule minyaka izayo?

LI: Eish! Siphulukene neendebe ezininzi kule minyaka idlulileyo, abadlali bona sinabo, qha ingase sifumane umqeqeshi ozobuyisa isidima sethu, sibuyise zonke iindebe zethu, i-ofisi le yethu inkulu ikhe imamele izikhalazo zabalandeli bayo, siyasokola kakhulu thina silapha e-Eastern Cape ngezinto ezifana namakhadi esingenawo ekunzima kakhulu uwafumana.

PM: Oyena mdlali umthandayo ngubani, ngokuba kutheni?

LI: NguHappy Jele, ndithanda indlela azijula ngayo xa edlala. Akapheli moya noba sesibethwa, usuka emva ayokora ngokwakhe uba kunzima.

UThabo Rakhale yena ke ndimthanda xa edlala ngebhola eveza isakhono sakhe.

PM: Khawusiphe iqela lakho njengomlandeli omkhulu.

LI: Brighton Mhlongo, Thabo Matlaba, Rooi Mahamutsa, Happy Jele, Thabo Rakhale, Oupa Manyisa, Issa Sarr, Luvuyo Memela, Tendai Ndoro noLehlohonolo Majoro.

PM: Uziva njani njengokuba iPirates iqhuba kakuhle kwiPSL emva kokusokola ekuqaleni?

LI: Ndivuya kakhuuuuuuuuuulu! Ndiyeke nogezelwa ngabahlobo bam, abananto yokuthetha ngoku, kuthetha mna ndodwa.