Amagqala webhola ekhatywayo ayefudula edlalela i-Orlando Pirates anxunguphele ngenxa yendlela iqela lawo eliqhube ngayo kwezi sizini ezidluleyo.
Omnye walo magqala nguJerry Sikhosana ocele usihlalo weBucs, uGqirha Irvin Khoza, ukuba azame ukuchitha ixesha elininzi kuyo ngoku.
USikhosana uwachaze amagqala wePirates njengabantu abanomsindo yinto eyenzeke kwisizini edlulileyo. AmaBhakaniya afince isizini ethe finini kwindawo yeshumi elinanye kwiPSL – into aqalayo ukuyifumana ukusukela mhla kwasungulwa iPremier Soocer League.
UKjell Jonevret oqeshwe ekuqaleni kwalo nyaka akakwazanga ukuyihlangula iPirates emva kokuphasalaka kwayo kwangethuba kusekho uMuhsin Ertugral no-Augusto Palacios.
Bekukho ithemba lokuba iPirates ingafumana iNedbank Cup – kodwa yabethwa kuyo yiSuperSport United kwakubi ngakumbi.
“Ndiyamcela usihlalo aqinise izinto ngoku. Ewe, kunokwenzeka ukuba uya ebemdala ngoku – kodwa isenguye xa ethetha aba badlali kufuneka bamamele njengathi kudala,” utshilo uSikhosana.
“Ndisakhumbula ngeentsuku zethu, wayengena kwigumbi lokuphumla. Ilizwi lakhe lalivakala kwaye kwakungekho umntu ofuna aphinde athethe. Lo nto yayisiqhuba ukuba senze umsebenzi. Andonwabanga konke ngenxa yendlela eqhube ngayo iPirates. Kwezi ndawo sihamba kuzo abantu bayasibuza ukuba kutheni kunje nangona singabandakanyeki kwiqela,” utshilo uSikhosana.
Lo kaSikhosana ukugxekile ukuyekelela umxakatho kwabadlali bePirates nokungabikho kukaTeboho Moloi kwiqela labaqeqeshi bayo athe izinto zazingcono esekhona. Eli gqala alikhathalelanga nokuba ngubani umdlali othengwe yiBucs; into eliyifunayo ngumsebenzi ebaleni qha.
“Andikhathali nokuba ngubani othengiweyo; okubalulekileyo ngumahluko owenziwa ebaleni – hayi iziqu,” utshilo uSikhosana.
UHelman Mkhalele no-Edward Motale ngabanye babadlali bakudala abangonwabanga.
Njengokuba kusondela isizini entsha, iPirates ityikile abadlali abaliqela abaquka uThamsanqa Sangweni noWayne Sandilands.
pedro.mapelo@inl.co.za
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari