Njengokuba abadlali bamaqela, ngokwahlukana kwawo, bebuyela ezinkampini phambi kwesizini entsha, abantu abaninzi bazibuza umbuzo omnye: ingaba i’Orlando Pirates ingayibhukuqa na iMamelodi Sundowns? Umdlali odlala esiswini kwiPirates, uThabang Monare, ukholelwa kwelokuba iqela lakhe likulungele ukuswantsulisa iintshatsheli zeDStv Premiership kwisizini ezayo. EzikaMagebhula zivale isizini egqithileyo kwindawo yesibini emva kokuphakamisa indebe yeMTN8 neyeNedbank phantsi kukaJose Riveiro waseSpain. UMonare, obengomnye wabadlali ebexhathise ngabo uRiveiro, ufanise iPirates neBidvest Wits eyaphumelela indebe yePSL kwisizini ka2016/17.
Le ndedeba eyayidlalela iBidvest Wits ithi iPirates inazo zonke iinduku ezinokuyinceda xa isilwela indebe yeDStv Premiership kwisizini ezayo. Sekulithuba elide ngoku iSundowns izenzela ebholeni yaseMzantsi – kodwa iPirates ikhangeleka njengeqela elingayisokolisa njengokuba kusenzima kwiKaizer Chiefs. “Sikulungele ukulwela indebe yeDStv Premiership kwisizini entsha,” utshilo uMonare kutshanje ethetha nephephandaba laseGoli. Emva kokuvala isizini isendaweni entle, abadlali bePirates bazithembile ngoba baza kubuyela nakwiCAF Champions League. “Iqela lethu linabadlali abayaziyo impumelelo.
Abanye abadlali abazimiseleyo ngokufanayo nangokuya sasikwiWits. Kukho ukufana kula maqela amabini. Wonke umdlali kwiPirates ufuna indebe yeDStv Premiership. Ukuba sizmisele, konke kuza kwenzeka. Bekubalulekile ukuba wonke umntu akuve ukuphumelela ukuze sikwazi ukuyenza isiqhelo lo nto. Siya kwisizini entsha sikhuthazekile emva kokuzuza iindebe ezimbini,” utshilo uMonare. Ezimnyama ziza kuntingela eSpain – apho ziza kulungiselela khona isizini entsha eza kuxakeka kakhulu kunonyaka ogqithileyo. “Sifuna ukwaziwa njengeentshatsheli emva kokwakha isiseko esiluqilima kwisizini egqithileyo,” utshilo uMonare. Nangona isivumelwano sakhe sengqesho siphela nenyanga yeSilimela – kodwa kulindeleke iPirates imgcine.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo