Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis

Abadlali noosompempe phambi komdlalo obuphakathi kweJamaica noMzantsi Afrika. Umfanekiso: Facebook

Umqeqeshi waBanyana Banyana, uDesiree Ellis, uthi amalungiselelo weCAF Women’s Africa Cup of Nations (Wafcon) elandelayo ahamba kakuhle. Oku ukuthethe emva kokuba uMzantsi Afrika ubethwe yiJamaica ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni wobuhlobo obungentseni yangoLwesibini wale veki eMontego Bay, eJamaica.

Lo mdlalo ulandele omnye uMzantsi Afrika obethwe kuwo ngamagowuli amathathu eqandeni ngoLwesihlanu oqgithileyo. ABanyana Banyana badlala namazwe omeleleyo ngelilungiselela iWafcon ekunyaka ozayo eMorocco. Nangona iintokazi zoMzantsi Afrika zibuye zingaphumelelanga eJamaica – kodwa umqeqeshi wonelisekile yindlela ezilwe ngayo, ngakumbi emdlalweni wesibini.

“Sidlale umdlalo ngendlela ebesifuna ngayo. Ibhola yethu sabelene ngayo ngendlela encomekayo kakhulu, ngakumbi kwisigaba sokuqala,” utshilo uEllis emva komdlalo. Umqeqeshi untingele eJamaica ngaphandle kweziqwayi zawo zabadlali ngenxa yokonzakala kwabanye. Endaweni yabo, abadlali abatsha banikwe ithuba lokudlala.

“Size apha singenayo nefolosi enye ngenxa yabadlali abangakwazanga ukuza apha nathi. Nangona kunjalo, sidlalise abadlali abatsha abaquka uShakira O’Malley osibambele uKhadija Shaw emdlalweni wanamhlanje. Sikwazile nokudlalisa abanye abadlali abagqibela kudala ukudlalela iqela lesizwe.

“Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon. La ngamalungiselelo aza kusinceda kakhulu endleleni eya kuyo. Ndiphoxekile zizigqibo zoosompempe. Ndiyaziqhenya ngezinye izinto ngoba umdlalo ubuphethwe sithi. Siphoxekile ngoba asifumananga ngoba abalandeli asibanikanga iziphumo ezihle,” utshilo uDesiree Ellis.