Simbine: Bendizokuthatha itayitile yam

Akin Simbine, Wayde van Niekerk and Thando Roto in the mens 100m final during the 2017 ASA Championships at Puk McArthur Stadium, Potchefstroom on 21 April 2017 © Roger Sedres/BackpagePix

Akabaleki ususa amaphepha u-Akani Simbine. Izolo uthwaliswe isithsaba emva kokuphumelela umgama olikhulu leemithazi (100m). kolu gqatso ubeke ngasemva amakhangala aziwayo kwihlabathi lonke afana noVan Niekerk noThando Roto ekubonakala ngathi ikamva lakhe liqaqambile. USimbine ufike entanjeni kwixeshana elingaphantsi kwemizuzwana engaphantsi kweshumi (9:95 seconds) eMcArthur Stadium, ePotchefstroom, apho kukhutshiswana kwiSouth African Track and Field Championships.

“Ndivuya kakhulu – kodwa bendozokuthatha itayitile yam endaphulukana nayo kunyaka ophelileyo,” utshilo uSimbine.

“Ukhuphiswano luphezulu kakhulu. Kukhangeleka ngathi kuzawubamnandi kwicandelo leembaleki eMzantsi Afrika ukuba zingakhathalelwa ezi mbaleki zikhoyo. Kuninzi kakhulu esinokwenza, into efunekayo sisebenzise ngobunono isakhono sethu,” utshilo uSimbine.

Kolu gqatso lwayizolo enye yeembaleki ezinamendu kakhulu, u-Anaso Jobodwana, wehlelwe yinto embi sele ekulungele ukubaleka ngethuba etsaleka umsipha.