‘Singakuvuyela ukuncedwa lisebe lezeMidlalo’

Freeman Vutu

Imbaleki ekwangumqeqeshi kwiqela layo, uFreeman Vutu, uthi isibonelelo esibhengezwe lisebe lezeMidlalo, iNkcubeko noLonwabo singenza umahluko omkhulu ebantwini abafana naye abatsala nzima.

UMphathiswa uFezeka Bayeni ubhengeze ishumi elinesihlanu lonke lezigidi zeerandi (R15 million) elibekelwe bucala njengemali eza kuthi yabelwe abantu abakwezolonwabo nakwezemidlalo emva kokungakwazi kwabo ukusebenza ngenxa yekhorona

Abantu abaza kuxhamla ziimvumi ngokwahlukana kwazo, abadlali beqonga, ababhali, abadlali neembaleki.

“Injongo yale mali kukuncedisa abo bathe babetheka kwicandelo lezemidlalo nolonwabo ngeli thuba lekhorona. Le mali ngeke ibuyise ingeniso yomntu ngenxa yenani eliphezulu labantu kodwa sifuna ukuqinisekisa okokuba amaqela ayakwazi ukufunquka emva kokugqitha kwengxaki esijongene nayo ngoku,” utshilo uBayeni.

UVutu, 55, ngomnye wabantu abaxhomekeke kwingeniso ayenza ngokubaleka. Ethetha neli phephandaba, uVutu weRising Stars Athletics Club, uthe ikhorona ithathe eyona nto ebebephila ngayo yena noogxa bakhe kwiqela lakhe elizinze kwilali yaseKwelerha, eMonti.

Iimbaleki zakhe azikwazanga ukuya kwiitumente ngenxa yekhorona kwaye uthi abantwana abasebenza nabo bancedwa yimali abayifumana ekubalekeni ngoba baphuma emakhayeni angafumanga.

“Isibethile yona ngoba asikwazi ukwenza kwanto. Thina sixhomekeke ekubalekeni ukuze sibe nemali ngoba asiphangeli futhi nabantwana esinabo apha eqeleni bayazisokolela. Abantwana esinabo kwiqela lethu baye bancedwe ziimalana abathi bazizuze xa bephumelele. Asinalo konke konke elinye iqhinga ukuze sibe nemali ngaphandle kokubaleka,” utshilo uVutu.

Iimbaleki, ababhali nabo bonke abachaphazelekayo banethuba lokufaka izicelo kwisebe kude kube ngumhla weshumi elinambini kule nyanga yeSilimela.

Ulwazi oluthe vetshe lungafunyanwa kwa:ecsrac.gov.za.