‘Singayibetha iChiefs kwiTelkom’

Ukhuphiswano lukaTelkom lukwesona sigaba sibalulekileyo. Ngempelaveki, amaqela amane aza kulwela ukudlulela kwisigaba sokugqibela seTelkom Knockout ekhatshwa zizigidi ezine zeerandi (R4-million).

Abantu abaninzi abangakwazanga ukuya eMpumalanga baza kuthi ntsho amehlo abo kumabonakude xa iMaritzburg United idibana neKaizer Chiefs emdlalweni oza kuba nomtsalane eMbombela Stadium ngentsimbi yesithathu ngeCawe.

Okunika umdla kakhulu kukuba umqeqeshi weChiefs, uErnst Middendorp, wayengumqeqeshi weTeam of Choice owayihlangula isengxakini kwiminyaka emithathu edlulileyo.

Ngoku iMaritzburg iphantsi kwesandla sikaEric Tinkler oyisindise ezembeni kwisizini edlulileyo kodwa ngokungafaniyo nezinye iisizini – isiqalo sayo sibe sihle kule sizini.

Usihlalo weMaritzburg, uFarook Kadodia, uxelele iMecury okokuba iqela lakhe lingayibetha iChiefs.

“Asizizo iintshaba kodwa asingabo abahlobo ebaleni. Sinomsebenzi ekufuneka siwenzile. Ndithetha nanini na noMiddendorp kodwa ndakuthetha naye ngoku emva komdlalo ngeCawe. Amakhosi adlala kakuhle, nayo iMaritzburg iqhuba kakuhle. Siyasivuyela isigqibo seChiefs sokusa umdlalo eMbombela Stadium. Akululanga kuthi maqela aselunxwemeni. Kodwa ndicinga ukuba singayibetha iChiefs siye emdlalweni wokugqibela weTelkom Knockout,” utshilo uKadodia ekuqaleni kwale veki.

Amakhosi aya emdlalweni ephantsi koxinizelelo ngenxa yabalandeli abalangazelela indebe abayigqibela kusekho uStuart Baxter.

Iqhuba kakuhle ke kambe iChiefs kule sizini. Ukubetha kwayo iMaritzburg kungakhuthaza abadlali ngakumbi.

Iqela likaMiddendorp liya eMpumalanga liqhwalela ngenxa yokungabikho kwabadlali abafana noDaniel Akpeyi, uErick Mathoho noWillard Katsande abanqunyanyisiweyo.

Amakhosi aya kufumana ithuba lokugweba indlala ukuba aphumelele ngeCawe.

Ngaphandle kwamathandabuzo, uMiddendorp unomnqweno wokuphumelela indebe ngokuba lo nto ingaqinisa ubuhlobo phakathi kwakhe nabalandeli abangamginyi ncam.

Isekela-mqeqeshi, uShaun Bartlett, uthi iChiefs inabo abadlali abaza kuvala iindawo zabadlali abangekhoyo.

“Umdlalo uza kuba nzima. Kodwa senza iinguqu sidlala neChippa United saphumelela ngo’2-0. Sinabo abadlali abakulungeleyo ukwenza umsebenzi,” utshilo uBartlett ethetha neentatheli emva komdlalo weDiski Challenge.