Umqeqeshi weMpumalanga Black Aces uthi, iimpazamo zabadlali bakhe zizo ezinike Amakhosi amathuba okufaka amagowuli.
Oku kuthethwe nguMuhsin Ertugral emva komdlalo we-Absa Premier Soccer League obuphakathi kweqela lakhe neKaizer Chiefs ngoLwesini eMbombela Stadium. Emva komdlalo obumhle odlalwe ngala maqela, ekugqibeleni abelene ngenqaku elinye macala emva kokubambana ngo’2-2.
Amakhosi aye kulo mdlalo evathe iqaqa, kwaye kubonakala ukuba afuna amanqaku apheleleyo. Atsazise igazi kuqala emva kokuba abadlali basemva nonozinti we-Aces benze impazamo.
Ibuyile nelokulinganisa iAces, kwaye iyixhesha iChiefs, kodwa nayo ebizimisele. Nangoba umdlalo ubuneempazamo macala, kodwa abadlali banike ababukeni umdlalo okumgangatho ophezulu.
AmaZayoni adlala umdlalo ophucukileyo kule sizini ngoku aphantsi kwesandla sechule * -Ertugral, kwaye nendawo yesihlanu kwiPSL iwafanele.
UMshini [igama adume ngalo umqeqeshi we-Aces] ubongoze abantu ukuba banike ithuba umqeqeshi weChiefs, uSteve Komphela, ukuze azakhele iqela lakhe.
“Idlala kakuhle iChiefs, umqeqeshi makanikwe ithuba ayakhe aphinde alungise nezinye izinto,” utshilo * -Ertugral.
Ethetha ngomdlalo weqela lakhe uMshini uthe, abadlali bakhe baphise ngawo umdlalo ngokwenza iimpazamo kwiindawo ezimbi ebaleni. “Phambi kokuba kungene igowuli kuthi belikhona ithuba. Xa umdlali efumana ithuba kulindeleke alisebenzise, asikwazanga kodwa.
Ibhola yesibini engene kuthi ibisisipho nayo ngoba ibhola ilahlwe sithi. Besiyazi eyona nto esiyilindeleyo kwiChiefs,” uvale ngelo * -Ertugral.
NgoLwesihlanu iBlack Aces indwendwela iMaritzburg United kumdlalo ozakube ungentsimbi yesibhozo ebusuku eHarry Gwala Stadium. Ngumdlalo lo ozakubanzima, ngoba i-United ilwela ukusuka emsileni wePSL.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup