Siqhathiwe ngusompempe emdlalweni, itsho ingqonyela yeSafa

Umnu. uTebogo Motlanthe yingqonyela yeSAFA. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Abaphathi beSouth African Football Association (Safa) baqumbile futhi abafuni nokuyiva eyokubethwa kwaBafana Bafana emdlalweni obuza kubasondeza kwitumente yehlabathi eza kudlalelwa eQatar kunyaka ozayo. Umnqweno wabalandeli bebhola ekhatywayo wokubona iqela labo lisiya eQatar uphelele emoyeni emva kokuba libethwe yiGhana ngo’1-0 emdlalweni ongasoze ulityalwe eCape Coast Stadium ngempelaveki egqithileyo. UMzantsi Afrika ukhutshiwe emva kokuba iGhana iphiwe ipenela engacacanga ngusompempe waseSenegal ogama linguDjibril Camara encediswa nguDaouda Gueye emdlalweni kaGroup G. Ibhola ikhonjwe echaphazeni ngusompempe emva kokuba uDaniel Amartey eziwise emhlabeni kanozinti ngokungathi utshovwe nguRushine De Reuck.

Ingqonyela yeSafa, uMnu. Tebogo Motlanthe, uxelele abantu baseMzantsi Afrika okokuba bafuna umdlalo uphindwe ngokufanayo nomdlalo owawuphakathi kwaBafana Bafana neSenegal ngo’2016 ngenxa kasompempe owabhaqwa enze ubuqhetseba. UMnu. Motlanthe uqinisekisile ukuba iSafa iza kubhalela iConfederation of African Football (Caf) neFifa icacise isikhalo sayo nento efuna yenziwe ngosompempe obenefuthe kwiziphumo zomdlalo. “Into esiyithethayo, iziphumo zomdlalo zigqitywe ngusompempe,” itshilo intloko yeSafa. Ngethamsanqa, iFifa ivumile ukuwuphanda umdlalo – kodwa okuseleyo kukuba iSafa ithi thaca ubungqina obubambekayi etafileni.

“Akufanelanga kwenzeke njalo emdlalweni. Yiyo lo nto sigqibe kwelokuba sibhalele iCaf neFifa ukuze baphande indlela umdlalo obuphethwe ngayo nezigqibo ezithathwe ngusompempe emdlalweni. Sesisibhalisile isikhalazo sethu kumkomishinala womdlalo. Into esiza kuyilandelisa bubungqina obubonakalisayo ukuba kwenziwe ubuqhinga. Izigqibo ezithathwe ngusompempe asizonwabisanga kwaphela kwaye asikwazi ukuyiyeka into enje ikhona into esinokuyenza. Siqhathiwe emdlalweni. Kubekho ipenela – kodwa zikhona nezinye izinto ezenzekileyo ebaleni. Siza kufuna ingcali eza kusincedisa ukuze iFifa ibona ukuba nyhani umdlalo ufanelwe kuphindwa,” utshilo uMontlanthe. UMzantsi Afrika neGhana zigqibe imidlalo kaGroup G zilingana ngamanqaku – kodwa iGhana yathi kratya ngamagowuli ewafakileyo.