Sisa Dukashe: iChippa United neSuperSport zilwela amanqaku

UMark Mayambela ngomnye wabadlali eza kuthembela kubo iChippa United ngempelaveki eSisa Dukashe Stadium

Kukho imidlalo eliqela ekulindeleke ukuba itsale umdla wabalandeli bebhola ngempelaveki. Omnye wemidlalo yeAbsa Premier Soccer League ekulindeleke ube sematheni ngophakathi kweChippa United elwela ukusinda ezembeni neSuperSport United egxeleshe indawo ephambili ekupheleni kwesini.

Umdlalo wala maqela mabini uza kudlalwa ngo’15:30 eSisa Dukashe Stadium ngeCawe. Kuninzi kakhulu okuya kuthi kuzuzwe liqela eliphumeleleyo.

IChippa, ehleli kwindawo yeshumi elinesine, ayikaphumi engxakini. Kunyanzelekile iphumelele ukuze ibhekele kumaqela atsala nzima emsileni wePSL.

Ukusukela oko kwathi kwafika uClinton Larsen, iChippa United ayikabethwa kwimidlalo emithandathu yonke.

Lo nto inika ithemba xa iza kulwa neqela elifana neSuperSport United elilwela ukufumana indawo ephezulu xa kuphela isizini. Ukuba iChilli Boys ingaphumelela imidlalo emithathu, ingangena ithi tsotsololo kwiTop 8 eyakhe yayingcamla kwiminyaka embalwa eyadlulayo.

Umdlalo kufanele ube nzima ngokuba iChippa idlale ntanganye neGolden Arrows ngo’1-1, kanti yona iSuperSport United ibethwe yiBaroka FC ngo’2-1.

Amatsatsantsa a Pitori asazama ukubuyela emgangathweni aziwa ngawo. Ukapteni weSuperSport, uDean Furman, unomnqweno wokubona iqela lakhe lisilwela indebe yePSL kwakhona.

ISuperSport yagqibela ukuphumelela eyona ndebe ebalulekileyo ebholeni ngo2010 kusekho uGavin Hunt.

“Kufanele sijonge izinto esingazizuza kule sizini. Ndiyazi ukuba singalwela ukufumana indawo phakathi kwamaqela amane aphezulu ngenxa yokonzaka kwabadlali kule sizini. Sifuna ukulwela indawo kwiCAF Champions League okanye kwiConfederation Cup.

Kodwa okubalulekileyo kukuba iSuperSport kufuneka ibe lelinye lamaqela alwela eyona ndebe ebalulekileyo ebholeni.

Yilo nto ekufanele sigxile kuyo ngoku,” utshilo uFurman kwiSolezwe.

ISuperSport United ihleli kwindawo yesihlanu kwiPSL, inamanqaku angamashumi amathathu anesibini emva kokudlala imidlalo engamashumi amabini ananye.

Ukubetha iChippa kubalulekile kwiSuperSport ezama ukubuyisa isidima sayo kwibhola yaseMzantsi Afrika. Ngeke kube lula ukuphumelela ke kodwa ngokuba iChippa United iza kube inikwa amandla ngabalandeli abayixhasa kakhulu xa idlalela eMonti.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesihlanu: Maritzburg United vs AmaZulu FC @Harry Gwala Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Mamelodi Sundowns vs Bloemfontein Celtic @Loftus Verfeld Stadium, 15:15; Kaizer Chiefs vs Highlands Park @Moses Mabhida Stadium, 18:00; Free State Stars vs Black Leopards @Goble Park Stadium, 18:00; Bidvest Wits vs Cape Town City @Bidvest Stadium, 20:15; Golden Arrows vs Orlando Pirates @Sugar Ray Xulu, 20:15

NgeCawe: Baroka FC vs Polokwane City @Peter Mokaba Stadium, 15:30