Sithathiwe isigqibo ngemidlalo ye-Abasa Premiership neGladAfrica

PSL Chairman Dr Irvin Khoza addresses the Media with his Board of Governors during the PSL Press Conference on the 18 March 2020 at Southern Sun Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Zisithathile
isigqibo iinkokeli zeNationa Soccer League emva kwentlanganiso yanamhlanje
eGoli ebikhwetye ngusihlalo, ugqirha Irvin Khoza, ekuqaleni kwale veki. Kusasa ngoMvulo
ogqithileyo, uKhoza ubhengeze ukunqunyanyiswa kwemidlalo yonke ye-Absa
Premiership yale veki kanye emva komyalelo kaMongameli Cyri Ramaphosa othe
makungabikho ndibano ehlanganisa abantu abangaphaya kwekhulu (100) eMzantsi
Afrika ngenxa yesifo ekuthiwa yiKhorona (COVAD-19) esele sosulele ikhulu
elinamashumi amahlanu (150) labantu kweli lizwe. Emva kwentlanganiso
yanamhlanje, uKhoza uthe iinkokeli zigqibe kwelokuba imiswe yonke imidlalo
kodwa zinethemba lokuba isizini iyakugqitywa ingaphelanga inyanga yesiLimela. “Sithe
sifuna ukuyisonga isizini ingaphelanga inyanga yesiLimela – kodwa sabuya sathi
kwakuxhomekeka. Siza kwenza yonke into ngokomyalelo karhulumente noMongameli,”
utshilo uKhoza.

                                        Image may contain: text

Ingxelo
ekhutshwe yiNSL ithe:

“Thina
siyiNSL sibuxabisile ubomi babantu bonke kuquka abadlali nabo bonke abantu
abachaphazelekayo. Nangona sinqwenela ukusonga isizini ngomhla wamashumi
amathathu kwinyanga yesiLimela – kodwa ngenxa yemeko emaxongo, sithe
kwakuxhomekeka kwimeko yelizwe. Iinkokeli ezilawulayo zithe imidlalo kufuneka
iqale kwakhona yakufumana imiyalelo karhulumente.” Emva kwemini ngoLwesibini
wale veki, uMphathiswa wezemidlalo, uNathi Mthethwa, unike iNSL ilungelo
lokudlalisa amaqela ngaphandle kwabalandeli. Izolo uMongameli weSafa, ugqirha
Danny Jordaan, uxelele iintatheli okokuba ngeke kubekho imidlalo edlalwayo kude
kube yinyanga ezayo. UJordaan uyikhabile ingcingane yokudlala ngaphandle
kwabalandeli njengento engakhuselekanga ebadlalini. Isigqibo seNSL sihambelana
nesikaSafa elawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika ngoko mthetho weCAF
eyimise yonke imidlalo yayo yale nyanga.