Njengokuba iqela lesizwe loMzantsi Afrika lilungiselela imidlalo emibini, uHugo Broos uyibeke yacaca gca okwekati emhlophe ehlungwini into ayifunayo. ABafana Bafana baza kudibana ne-Uganda emdlalweni ohlakulela iAFCON kowayo. Kanti ngoLwesibini weveki ezayo, aBafana Bafana baza kwamkela iSouth Sudan emdlalweni oza kubanjelwa eCape Town Stadium.
Kuyo yomibini imidlalo, kunyanzelekile ukuba uMzantsi Afrika ube nento oyizuzayo ukuze ufumane indawo kwiAfrican Cup of Nations ekunyaka ozayo eMorocco. Enkcochoyini kaGroup K kuhleli i-Uganda. Kunyanzelekile aBafana Bafana baye kuyo bequle de baligangatha ukuze boyise. Emdlalweni wokuqala kwiinyanga ezigqithileyo, la mazwe mabini abambana ngo’2-2.
Kunyanzelekile uMzantsi Afrika ungabethwa ukuze wandise amathuba okufumana itikiti lokuya kwi2025 AFCON. Ethetha namajelo eendaba emva kokubhengeza amagama wabadlali bakhe, uBroos ukugxininisile ukubaluleka kokuzuza amanqaku awoneleyo kuyo yomibini imidlalo.
“Le midlalo emibini ibaluleke kakhulu. Singaya kwiAFCON ukuba siyayibetha i-Uganda kodwa ukuba akubanga njalo, ingenzeka lo nto xa sidibana neSouth Sudan. Ibaluleke kakhulu le midlalo,” utshilo uBroos. Nakubeni bengekho abadlali abafana noThemba Zwane, uSithole noPercy Tau – kodwa umqeqeshi uchonge abadlali abanawo amandla okwenza umsebenzi ebaleni. Inabadlali abayingozi i-Uganda.
Okubalulekile kukuba aBafana Bafana babeke iingqondo zabo ekuphumeleleni umdlalo qha. Kangangokuba ibalulekile imidlalo ezayo, uBroos uthe uza kubeka phantsi ukuba iqela lakhe alikwazanga ukufumana itikiti lokuya kwiAFCON.
“Ingalihlazo ukungayi kwiAFCON. Sinabadlali abanako ukuwenza umsebenzi emva kokubuya nembasa yebronze kwiAFCON yalo nyaka. Ukungayi kwiAFCON akufanelanga kuba yinto eyamkelekileyo kwiqela esinalo. Ukuba sibethwe kuyo yomibini imidlalo, emva kowokugqibela ndiza kukhwela inqwelomoya eya eBelgium. Qiniseka ngaleyo into,” utshilo uBroos.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party