‘Siyakuvuyela ukuphumelela le tumente’ – Andisiwe Phothe

Amantombazana; Drayini (Abamileyo): Ntombelizwi Magqazolo, Likho Macholi, Lukhona Bhokhwe, Nomfusi Mongezi, Sandisiwe Phothe. Abahleli phantsi: Sinesipho Qaba, Andisiwe Cekeleshe, Lelethu Tembani noSiphosethu Bulayi

Iqela lomnyazi, iNetball ngolwimi lomlungu, lelali yaseDrayini likhuthazekile emva kokuphumelela itumente yalo okokuqala kulo nyaka.

Eli qela beliyinxalenye yamaqela omnyazi athathe inxaxheba kwiNgubesizwe Tournament eqale ngomhla wePasika.

Maninzi kakhulu amaqela aven’amandla kule tumente – kodwa ekugqibeleni kude kwakho elitshatshelayo ngomhla wokugqibela.

IDrayini ziintshatsheli ezivunyiweyo zale tumente emva kokubetha amaqela amaninzi aquka i-Extension 8 evuthululwe ngo’16-2 kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi. Kumdlalo wokugqibela, noxa iDrayini bekukudala idlala, kodwa iye yaphumelela ngokuthi ibethe iGood Hope ngo’26-6 eNgumbela Stadium ngoMvulo wale veki.

Ukuphumelela kweli qela ziindaba ezimnandi kulo, kwilali yalo ngokubanzi ngakumbi kubadlali abadlale ngokuzimisela okukhulu.

Uthando nobuchule bokudlala ibhola yomnyazi zezinye zezinto ezithe zagqama emdlalweni weqela eliphumeleleyo.

Abadlali beDrayini badlale kakuhle bonke, kodwa uAndisiwe Phothe, uNomfusi noLelethu Tembani – bebebalasele.

Umgangatho wemidlalo yomnyazi ubuphezulu futhi kubonakala ukuba amaqela ayayazi into ayenzayo.

USandisiwe Phothe, ukapteni weDrayini ephumelele itumente, uvumile emva komdlalo ukuba bekungekho lula kwaphela.

“Siyakuvuyela ukuphumelela le tumente ngoba kokokuqala siyiphumelela oko yasungulwayo. Izinto zihambe ngendlela ebesizilungiselele ngayo thina.

“Umdlalo wokugqibela ubunzima – kodwa ngenxa yokuzimisela, siye saphumelela. Sizimisele ukukhula kumnyazi kwaye sizimisele ukudlala kwezinye iitumente ezinkulu,” utshilo uPhothe ngethuba encokola neli phephandaba.

Iqela elibambe indawo yokuqala lifumene imali.

pedrop.mapelo@inl.co.za