Siyaya kwiGladAfrica, utsho uTsepo Motsoeneng weBCM Stars!

Abadlali beBCM Stars bevuyela ukuba ziintshatsheli ze-ABC Motsepe League kwiphondo leMpuma Koloni. Umfanekiso: Uthunyelwe.

Nangona iphondo laseMpuma Koloni ingasenalo iqela elidlala kwiGladAfrica Championship emva kokuthotyiselwa kweBizana Pondo Chiefs – kodwa kungakho elinye kungekudala. Umqeqeshi owaziwayo, uTsepo Motsoeng, uphinde wenza adume ngazo kwakhona. Emva kweenyanga ezimbalwa ethathe iintambo, uthathe iBCM Stars wayenza iintshatsheli ze-ABC Motsepe League kwiphondo leMpuma Koloni. Ekupheleni kuka-2020, uMotsoeneng uthathe iBizana Pondo Chiefs wayisa kwiGladAfrica Championship emva kokugqugqisa emidlalweni kazwelonke. Kanti phambi koko, uMotsoeneng waziqaqambisa kwiqela laseMdantsane elabhangayo, iTornado FC, emva kokugetyengwa komnikazi wayo. Eli qela kuthiwa yiBCM Stars lelonyana kaMnu. Siviwe Mpengesi ongumnikazi weChippa United. Kwathengwa iPeacemakers FC, yaze yaguqulwa igama yayiBCM Stars.

Izuze indebe iBCM Stars emva kokubambana ngo’1-1 neSpear of the Nation emdlalweni obungoMgqibelo odlulileyo. Ethetha emva komdlalo, uMotsoeneng uthe: “Bekunzima ngoba iSpear of the Nation ibisilwa futhi izimisele ukuzuza nto apha kuthi. Kuye kwanyanzeleka ke sizikhusele. Siphose amathuba kwisigaba sokuqala kwaye iintshatsheli akufuneki zidlale ngendlela esenze ngayo. Kodwa senze ngcono kwesesibini isigaba. Ndinethemba lokuba siza kuphumelela nalapho siyakhona.” Ngoku iBCM Stars iya kwimidlalo yokuxabangela (PlayOffs) eMpumalanga – apho amaqela aziintshatsheli emaphondweni aza kudubana khona ukuze kuphume aya kwiGladAfrica Championship. “Into elandelayo ngoku kukuqinisekisa ukuba iqela liyanyuselwa,” utshilo uMotsoeneng, ngokukhulu ukuzithemba emva komdlalo.

“Sifuna ukuba ziintshatsheli zeMotsepe League zelizwe lonke kwaye sizimisele ukuyenza lo nto. Siyaya kwiGladAfrica; andizami ukujongela phantsi abanye abaqeqeshi. Iqela lethu likulungele ukulwa kwaye siza kuyenza lo nto,” utshilo uMotsoeneng, ogxothwe yiPondo Chiefs ebuyele kwiMotsepe League ekupheleni kwesizini ka-2020/21 emva kokungaqhubi kakuhle kwinqanaba eliphezulu. Nangona iMpuma Koloni ingaqhubi kakuhle ebholeni ekhatywayo, ukunyuselwa kweBCM Stars ingaziindaba ezimnandi futhi yona ngeke isokole amabala okudlalela njengePondo Chiefs eyanyanzeleka ukuba ifudukele KwaZulu-Natal ngenxa yokungabikho kwamabala asemgangathweni kuzo zonke iindawo eziphantsi kwe-O.R.Tambo Municipality.