“Siye eMorocco sifuna indebe yeWafcon” – Motlhalo

UMzantsi Afrika ubhiyozela indebe yeWomens Africa Cup of Nations Final emva kokubetha iMorocco emdlalweni obusePrince Moulay Abdellah Stadium. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Zamkelwe ngezandla ezishushu iintshatsheli ezintsha zeWomen’s African Cup of Nations (Wafcon) emva kokugaleleka kwazo e-O.R.Tambo International Airport kusasa ngoLwesibini wale veki. Iqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo abuyele ekhaya ethe qhiwu indebe yeWafcon ayiphumelele okokuqala ukusukela oko uMzantsi Afrika wabuyiselwa emidlalweni yehlabathi ngonyaka ka-1992. UMzantsi Afrika usencochoyini ebholeni yase-Afrika emva kokuba ubethele ekhaya iMorocco ngo’2-1 emdlalweni wokugqibela weWafcon ngempelaveki egqithileyo. Umdlali ophambili weBanyana Banyana, uLinda Motlhalo, uthi ubumbano lwabadlali lulona olwenze umahluko kwimpumelelo ezuzwe nguMzantsi Afrika.

Nangona aBanyana Banyana kuye kwanyanzeleka ukuba bagqithe kumazwe amakhulu afana neNigeria neMorocco – kodwa uLinda uthi zange bayithandabuze into yokuba bangazizo iintshatsheli ze-Afrika. “Ngokwasengqondweni, besomelele kakhulu kwaye besimanyene singabadlali. Okunye okuthe kwasisebenzela yinkxaso esiyinikwe ngabantu. Siye kwiWafcon siyazi into esiyifunayo kwaye siyifumene. Phambi kwetumente, siye eMorocco sifuna ukuphumelela indebe qha. Lo nto iphenjelelwe kukuba kudala sibethwa emidlalweni yokugqibela. Besisazi ukuba lifikile ixesha lokuba ithathwe sithi indebe,” utshilo uMotlhalo odlalela iDjurgardens yaseSweden.

Abadlali kulindeleke bathi zava emalini emva kokuthenjiswa kwezigidi ezilithoba zerandi (R9.2-million) nguSafa nezigidi ezihlanu zerandi (R5.8-million) nguMphathiswa weZemidlalo kuzwelonke, uMnu. Nathi Mthethwa. Nakubeni uMthethwa enezotho ebantwini abambona njengomntu ongakhathaliyo – kodwa izolo uxelele indimbane yabantu ukuba urhulumente uyayixhasa imidlalo yamanenekazi kwaye nangoku ufuna kubekho umthetho othi amantombazana makamkeliswe ngokulinganayo namadoda. “Sifuna kubekho umthetho othi aBafana Bafana naBanyana Banyana mabamkeliswe ngokulinganayo,” utshilo uMthethwa.