“Siyifuna phezulu iChippa United” – Malongoane

Omnye wabadlali abanomdlalo omhle nophakathi kwabo baziqaqambisileyo kwiPremier Soccer League kule sizini ngumdlali weChippa United, uJoseph Malongoane.

Lo mdlali odlala esiswini okanye ephikweni, ubayinto ibila kwamanye amaqela esebenzisa ubuchule bakhe bokudlala ibhola ngesantya, kodwa umdlalo wakhe ukhula ngakumbi ngoku aphantsi kukaDan “Dance” Malesela owaziwa ngokukhuthaza ukudlalwa kwebhola yalapha eMzantsi Afrika. Kumdlalo ophele ngo’1-1 wePSL obuphakathi kweSuperSport United neChippa

United, ePeter Mokaba Stadium, uMalongoane uzibalule kwakhona wabonisa ukuba iiChilli-boys zingathembela kuye ngokuthi afake igowuli. Kungoku nje iChippa ihleli kwindawo yesixhenxe kwiPSL emva kwemidlalo engamashumi amabini anesine.

Mithandathu imidlalo eshiyekileyo kufikwe entanjeni yePSL. Kwiisizini ezidlulileyo bekuthi kubaleli xesha ibe iChippa ilwelwa ukusinda ezembeni, kodwa izinto zahlukile kule isizini ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe leli qela ukusukela ekuqaleni kwesizini.

Lo mdlali unamashumi amabini anesixhenxe eminyaka uthe, izinto zimhambela kakuhle kule sizini ngenxa yenkxaso ayifumana kwiqela lakhe.

Kodwa kuko konke ubeka phambili okufunwa liqela lakhe kule sizini. “Sifuna ukuyivala isizini siphakathi kwamaqela asibhozo aphambili kwiPSL,” utsho uMalongoane.

“Sifuna ukuba sendaweni engcono ngoba wonke umntu uyazi ukuba iChippa ibiliqela ebelisoloko lisilwela ukusinda ezembeni,” uvale ngalo mazwi uMalongoane.

Ngokungafaniyo neminye iminyaka, kubekho ulawulo oluzinzileyo nolunenjongo ecacileyo kwiChippa kule isizini. Izolo eli qela laseMpuma Koloni libhengeze uPeter Koutroulis njengengqonyela entsha [CEO]. Isizathu sokubuyisela le ndoda kuthiwe ngoyena mntu uzaziyo izithethe zeChippa United.

Ngomhla weshumi elinesithandathu, iChippa United indwendwela iPolokwane City, ePeter Mokaba Stadium ngentsimbi yesithathu malanga.

pedro.mapelo@inl.co.za