Siyilungele le sizini, utsho uMasilela

UTsepo Masilela uthi iKaizer Chiefs iqule yaligangatha phambi komdlalo wayo wokuqala neBidvest Wits namhlanje. Umfanekiso: Backpage Pics

Umdlali wasephikweni kwiKaizer Chiefs, uTsepo Masilela, uthi bazimisele ukuyiqala kakuhle isizini namhlanje.

Amakhosi atyelela iBidvest Wits kumdlalo wokuqala we-Absa Premier Soccer League wesizini ka’2016/17 ozakube useBidvest Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe namhlanje ngokuhlwa.

Iimpfane ziya kulo mdlalo ngaphandle kukaSiphiwe Tshabalala, u-Eric Mathoho owonzakele kwii-Olimpiki eRio de Janeiro noKeagan Buchanan ofike onzakele kwiChiefs.

Amakhwenkwe kaSteve Komphela azimisele ukuguqula izinto kule sizini emva kokuba isizini ephelileyo ivalwe iChiefs ingafumenanga nenye indebe.

Kwiindebe zePSL eziphunyelelwe leli qela lizinze eNaturena ngethuba kusekho uStuart Baxter – isiqalo yeyona nto yayibalulekile ngoba yayinika amandla iqela kwaye athi amanye amaqela eyiphutha-phutha iChiefs yabe seyikude kakhulu.

UMasilela ukuqonda kakuhle ukubaluleka kokuphumelela imidlalo yokuqala ngoba wayeyinxalenye yelo qela lenza imbali.

“Kufuneka singene entsimini zisuka ngoba asifuni kuxabangela emva kwexesha. Sifunde isifundo kwiimpazamo zangaphambili,” utsho uMasilela.

Amakhosi aya kwiWits engabetheki lula enkundleni yayo. Iswantsulise iMamelodi Sundowns kwisizini edlulileyo yePSL – ngoko ke akukho qela lingangcangcazeliyo xa lisiya kuyo.

“Siyayazi iWits, inabadlali abasemgangathweni ophezulu. Lo mdlalo unexabiso kuye wonke umntu ngoba sifuna ukuvula kakuhle sonke. Eyona nto ibalulekileyo kukuba ifika siyilungele le sizini,” utshilo uMasilela.

Ethetha ngobume beqela lilonke, uMasilela, uthe umoya uphezulu enkampini emva kwemidlalo yobuhlobo embalwa.

Eminye imidlalo ime ngolu hlobo: Cape Town City v Polokwane City @Cape Town Stadium ngo’19:30; Baroka FC v Ajax Cape Town @Old Peter Mokaba Stadium ngo’19:30