‘Siza kuyibetha iHungry Lions’

Iqela laseMpuma Koloni, iTornado FC, lithatha inxaxheba emidlalweni kazwelonke eKapa apho lizama indlela eya kwaNational First Division

Umqeqeshi weTornado FC, uTshepo Motsoeneng, uyiphose kwelokulibala eyokudlala ntanganye ngo’2-2 kweqela lakhe neMangaung Unite FC emdlalweni wokuvula iABC Motsepe League National PlayOffs ebutsheni bale veki.

Namhlanje emalanga, uMotsoeneng ulindele impumelelo xa iTornado idibana neHungry Lions emdlalweni wesibini.

“Sidlale kakuhle kumdlalo wethu neMangaung Unite kwaye amaqela omabini azibonakalise ukuba ziintshatsheli,” utshilo uMotsoeneng.

Umqeqeshi weTornado uthi abadlali bakhe bakwazile ukulwa nangona iMangaung ibisebenzisa abadlali abanamava abasuka kwiBloemfontein Celtic.

Ngokutsho kukaMotsoeneng, omabini amaqela ebenalo ithuba lokuphumelela umdlalo. Kodwa yonke lo nto uthe iqela liyiphose kwelokulibala ngoba lijonge ukuqubisana neLions ekunyanzelekileyo iqela lakhe liyibethe ukuze likwazi ukuya kwimidlalo yamanqam.

“Siza kuyibetha iHungry Lions ngoba sifuna indawo yokuqala kuGroup B,” utshilo uMotsoeneng.

Esongeza uthe, inye into ejongwe yiTornado FC kukuphumelela imidlalo ukuze ibuyele eMpuma Koloni iziintshatsheli.

Nangona esithi umgangatho wetumente uphezulu namaqela adlala kuyo abonakala equle aligangatha, uMotsoeneng uzithembile iintwana zakhe futhi uthi ziza kuncumisa abantu baseMpuma Koloni.

Okwangoku iTornado FC inenqaku elinye ebhodini kwaye ikhuphisana namaqela amabini kuGroup B. Ewonke amaqela akhuphisana eKapa alithoba kodwa ohlulwe azizicuku ezithathu.

Elikwazileyo ukuqokelela amanqaku amaninzi liya kumjikelo olandelayo. Amaqela akwazileyo ukuya kumjikelo wamanqam aza kulwela ukuya kwaNational First Division League kwaye kukho nebhaso lesigidi seerandi (R1 million).