“Siza kuyinqunqela egoqweni iHarlequins”

Umqeqeshi weSwallows, uYongama Mkhaza, ufunge wamunca iintupha ngelithi baza kuzinqunqela egoqweni iHarlequins.

La maqela aza kungquzulana okweenkunzi zegusha kumdlalo wamagqibela kankqoyi wetumente yeSuper 12 eBuffalo City Stadium emalanga ngoMgqibelo.

“Ndiqinisekile ukuba siza kuzibetha iHarlequins kule mpelaveki”, utshilo okaMkhaza nobebhalwe ukuzithemba ebusweni.

Azakube engquzulana okwesibini kule tumente la maqela. Nangona iphumelele kumdlalo wangaphambili iSwallows – kodwa uMnumzana uMkhaza uthi abazukulijongela phantsi eli qela laseBhayi.

“Sababetha kumdlalo wokuqala kule tumente, kodwa lo nto ayizusenza sibadele. Amalungiselelo wethu akwizinga eliphezulu,” utshilo uMkhaza.

Ephawula ngeempazamo abazenze kumdlalo wabo owandulela amagqibela kankqoyi xeshikweni iSwallows ibetha iGardens zaseTinarha, lo kaMkhaza uthe: “Ndiphinde ndawubukela kwakhona umdlalo. Ndizibonile iimpazamo ezenziwe ngabadlali bethu. Uza kufika umhla womdlalo sizilungisile”.

Le ndedeba ihlabe ikhwelo kubalandeli bombhoxo kwingingqi yeBuffalo City ngelithi mabaphume ngobuninzi bayokuxhasa iqela lakhe akholelwa ukuba liza kubaziintshatsheli ezintsha zale tumente.

“Ngowona mdlalo ubalulekileyo ezimbalini zeli qela, ngoko ke ndiyanicela balandeli bombhoxo ukuba niphume ngobuninzi benu nizokusibukela xa siphumelela itumente okokuqala ezimbalini. Yizani ngobuninzi benu, ibalulekile inkxaso yenu kuthi. Siza kuba ziintshatsheli ezintsha,” uvale ngalo mazwi uMkhaza.

Umongameli wombhoxo kummandla weBorder, uMnumzana Phumlani Mkolo, ulincomile eli qela emva kwale mpumelelo. “Ndiyazingca ngeli qela, lidlale kakhulu kule midlalo. Intle into abayenzileyo,” utshilo uMkolo.

OkaMkolo uyincomile nendima eyenziwe yiSwallows ekuphuhliseni abadlali bebala: “ISwallows liqela elikhethekileyo ngoba likukhuthalele ukuphuhlisa abadlali abamnyama.”

Umqeqeshi weSwallows, uThando Khebe, uthi uchulumancile yindlela abadlale ngayo abadlali bakhe.

“Badlale kakuhle abadlali beqela lam namhlanje. Ndichulumance kakhulu yindlela abadlale ngayo,” itshilo le ndedeba izolo.