‘Sizimisele ukulihlangula ulutsha’

Inkosi uNongenile Pato unikezela ngendebe kumkhokeli weBlack Danger uLungani Madikazi emva kokuphumelela iMalcomes Mgabela Heritage tournament eTsholomnqa ngomvulo.

Inkosi yaMagqunukhwebe ezinze eTsholomnqa, uNongenile Pato, uthi ukuhlangula ulutsha olujongene nemingeni emininzi efana neziyobisi sesona sizathu esibangele babhiyozele usuku lwenkcubeko namasiko ngemidlalo.

UNkosi uPato ukuthethe oku emva kwetumente yokubhiyozela inyanga yezenkcubeko namasiko ebibanjelwe kwibala lezemidlalo kwilali yaseMpongo, eTsholomnqa, ngempelaveki edlulileyo.

“Ndichwayitile yindlela oluphume ngayo ukuzothatha inxaxheba kule midlalo ulutsha lakwe zilali. Le midlalo siyenzele ukuhlangula lona kwimingeni olujongene nayo efana nokutya iziyobisi,” utshilo uNkosi uPato.

Unobhala weMalcomes Mgabelo Sports Council, uPhumza Dana, uthi itumente ibe yimpumelelo.

“Ngoku besihleli itumente siliqumrhu, bendingayazi ukuba iza kubankulu kangaka,” utshilo uDana.

Usomashishini uPhumlani Mjekula oxhase itumente uthi usikwe yinimba emva kokubona oosomashishini baKwaZulu-Natal bexhasa imidlalo.

“Ndihlala eKZN; ixesha elininzi ndibone oosomashishini baphaya indlela abazixhasa ngayo iitumente ezikumila kunje. Ndasikwa yinimba nam,” utshilo uMjekula.

OkaMjekula uthi uza kuyixhasa rhoqo itumente kwaye uthembisa ngokubiza abanye oosomashishini.

“Ndiyive seyisondele itumente. Kunyaka ozayo ndiza kucela nabanye oosomashishini ukuze bafake isandla nabo. Mna ndiyathembisa ndiza kuyixhasa rhoqo,” utshilo uMjekula.

IBlack Danger iqokelele amanqaku alishumi elinesithandathu emva kokuyiphumelela yomine imidlalo yayo yombhoxo.

Bagoduke namawaka amathathu eerandi, indebe kunye neembasa zegolide. Yona iAfrican Eagles igoduke neembasa zesilivere namawaka amabini eerandi.

Kwibhola ekhatywayo; indebe neembasa zegolide namawaka amabini anamakhulu amathathu ithathwe yiBarcelona ebethe iTeenagers ngo’7-6 kumapenela. Kumnyazi, indebe ixwaywe yiRatanang emva kokutywatyusa iSeven Attackers ngo’24-17.