‘Soze ndiyilibale isizini edlulileyo’

I’solezwe lincokole nomlandeli weMamelodi Sundowns oyithanda ngendlela emangalisayo.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Ndiyaphila Bhuti, unjani wena?

PM: Kuhle! Ngokufutshane, khawuzichaze ungubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguBongani Mlinganiso Napang. Ndihlala apha eMdantsane – kodwa ndisuka eKomani.

PM: Waqala nini ukulandela iSundowns?

Bongani Napang: Ngoba umntu ukhule eyidlala ibhola, kwathi aph’ ekubukeleni ibhola kumabonakude phaya koo-85 ndade ndayithanda. Eyona nto eyanditsalayo kwiSundowns yindlela eyayidlala ngayo ibhola.

PM: Iqhube kakuhle iDowns kwimidlalo ye-Afrika, uziva njani?

BN: Yooh! Ndavuya kakhulu ngomhla endandibukele amagqibela kanqoyi weChampions League, eMdantsane. Ndavakalelwa emoyeni wam ngoba iSundowns yayiqale ngokugqwidiza – kodwa kwakumnandi ukuyibona iphumelela ekugqibeleni. Ndiyathemba ukuba impumelelo yayo iyakubanalo ifuthe kwiqela lesizwe.

PM: Yintoni ongasoze uyilibale ngeDowns?

BN: Isizini ka-2016/17, iSundowns idlale imidlalo emininzi – kodwa abadlali bethu balwe kwade kwasekugqibeleni. Ndixoliswe kukuba abadlali bethu babonisile ukuba bayakufuna ukukhusela indebe abayiphumelele kuleya sizini.

PM: Ngubani umdlali omthandayo?

BN: NguThemba Zwane. Ungomnye wabadlali abazamileyo ukuyifunqula iSundowns kwaye ufake amagowuli aliqela.