“Soze sikulibale okwenzeka e-Ellis Park Stadium” – Baloyi

Wayengumdlali ngoko, ngoku ngumqeqeshi woonozinti kwiKaizer Chiefs, uBrian Baloyi, kodwa into eyenzeka kwiminyaka elishumi elinesihlanu usayikhumbula ngathi yenzeke izolo.

Ngomhla weshumi elinanye kuTshazimpuzi ngo’2001 kwathi kwabhubha abalandeli bebhola abaphaya kumashumi amane anesithathu, kwaze konzakala ikhulu elinamashumi amahlanu nesibhozo [158] ngenxa yengxinano ngethuba befuna ukungena e-Ellis Park, apho kwakukho umdlalo phakathi kweKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates.

Ola suku lisisikhumbuzo kwibhola yoMzantsi Afrika sento emasikizi eyenzekayo. Ngethuba kumiswa umdlalo ngusompempe ngenxa yesi sehlo la maqela aseSoweto ayebambene ngo’1-1.

UBaloyi uzityande igila ngesi sithwakumbe saseEllis Park Stadium. “Sasisoyika. Sonke satsalela izizalwane zethu iminxeba, sasifuna ukwazi ukuba bayaphila na ngoba babengaphakathi ebaleni kweso siphithiphithi,” utshilo uBaloyi kwikhasi lomnatha leChiefs izolo. “Sakuqonda kakuhle okwenzekayo ebusuku xa sixelelwa inani labantu elibhubhileyo nabonzakeleyo. Zatshintsha izinto nakuthi, sakhala sonke.

Ngexesha kokwenzeka kwale nto; ndeva apha emva kweepali zam ukuba kukho into eyenzekayo, kwakunzima ukuqwalasela. Ndabona ukuba kukho into engahambi kakuhle. Kwimizuzu embalwa emva koko, sabona kungeniswa abantu ebaleni.

Yinto engasoze iphume ezingqondweni zethu. Okwenzeka ngala mini sakuphila nako ngonaphakade,” utshilo uBaloyi. Usihlalo we-Orlando Pirates, * -Irvin Khoza, usikhumbule esi sehlo watsho esithi ingaze iphinde yehle into enjeya kwakhona.

“Kwiminyaka elishumi nantlanu sikhumbula okwasehlelayo futhi sithi makungaze kwenzeke kwakhona. Mna noKaizer Motaung sakuqinisa ukubaluleka kokusebenzisana ukusukela ngoko,’’ utshilo uKhoza.