Stuart Baxter: Ukuba asikwazi ukuya kwi-Afcon, ndingahamba ukuba bayafuna

Stuart Baxter, coach of South Africa talking to Kamohelo Mokotjo of South Africa during the 2019 African Cup of Nations match between South Africa and Seychelles at the FNB Stadium, Johannesburg on 13 October 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weBafana
Bafana uthi akanayo tu ingxaki nokusishiya isikhundla akuso ukuba iqela lesizwe
lebhola ekhatywayo alikwazanga ukuzibekela indawo kwi-2019 Africa Cup of
Nations (Afcon). UStuart Baxter ukuthethe oku ngethuba encokola neentatheli ngokulindelekileyo
emdlalweni obalulekileyo kwinyanga ezayo. ABafana Bafana baza kudibana neLibya
emdlalweni kaGroup E endaweni engekaziswa – apho uMzantsi Afrika uzakube
usilwela amanqaku apheleleyo ukuze ufumane ithuba lokudlala kwi-Afcon yalo
nyaka. Nangona Amajita neBanyana Banyana bequqa bebuyelela kwiitumente ezinkulu
kwizwekazi le-Afrika nakwihlabathi – yona iBafana Bafana yagqibela ngopewula
kwindebe yehlabathi. UBaxter uthi ukuba iSafa ifuna ahambe uza kuhamba watsho
ezikhaba iingxelo ezithi umbutho olawula ibhola eMzantsi Afrika kwakufuneka
ungene nzulu epokothweni xa umkhulula phambi kwexesha elifanelekileyo.

“Ndatsho
kwantlandlolo, ukuba asikwazi ukuya kwi-Afcon. Ngokuqinisekileyo, ndiza
kuyixelela iSafa ukuba ayifuni ndiqhubele phambili nokusebenza – ndikulungele ukuhamba.
Bububhanxa iingxelo ezithi ukuhamba kwam kungayityabula iimali ezinkulu iSafa. Ngaphandle
koko, ukuba ndiyabona ukuba andiyenzi inkqubela emsebenzini wam – ndiza kuhamba.
Akukhathaliseki nokuba iSafa ifuna ndihlale. Kufuneka sonwabe sonke, hayi iSafa
yodwa. Xa sinokuyibetha iLibya wonke umntu uza kuvuya – kodwa ukuba kukho into
ethi andinakuqhubela phambili, ndiza kuhamba. Kodwa ukuba asifumani iziphumo
ezihle esizifunayo – kodwa ndibone ukuba kukho inkqubela ebonakalayo. Ndiza
kuthi (kwiSafa), ndingahlala ukuba uyafuna,” utshilo uBaxter ekuqaleni kwale
veki eGoli.

Umdlalo
ophakathi koMzantsi Afrika neLibya uza kudlalelwa kwilizwe elingakachazwa
yiCAF. Ngeke kudlalelwe eLibya ngenxa yokungabikho kozinzo okanye ngenxa
yeemfazwe zobukhaya. KuGroup E, yiNigeria kuphela eqinisekileyo ngendawo yayo
kwi-Afcon – kodwa uMzantsi Afrika usenalo nawo ithuba ukuba uyakwazi ukuyibetha
iLibya emdlalweni wokugqibela.