Telkom Knockout: Ithe galakangqa ngeenyawo zombini iBaroka FC

Deon Hotto of Bidvest Wits and Goodman Mosele of Baroka FCduring the 2018 Telkom Knockout semifinal match between Baroka FC and Bidvest Wits at Peter Mokaba Stadium, Polokwane on 25 November 2018 ©Kabelo Leputu/BackpagePix

Iqela lebhola
ekhatywayo laseLimpopo, iBaroka FC, lizenzele imbali namhlanje ngokuthi
lizibekele indawo kumdlalo wokugqibela weTelkom Knockout okokuqala. IBaroka iguqise
phantsi iintshatsheli zonyaka ophelileyo, iBidvest Wits, ngegowuli elinye eqandeni
(1-0) emdlalweni obumhle kakhulu ePeter Mokaba Stadium ngale njikalanga. Amakhwenkwe
kaWedson Nyirenda angene galakangqa ngenyawo zombini kwisigaba sokugqibela seTelkom
Knockout okokuqala kwimbali yawo kwiPSL ngegowuli elihle elifakwe nguMatome
Mabeba ngomzuzu wesixhenxe kwisiqingatha sokuqala somdlalo.

Khange
iphozise maseko iWits, izame indlela yokuguqula izinto; uCole Alexander, odlala
esiswini, uvuthulule intambula yebhola ethe qelele – kodwa ngelishwa lakhe, ifike
ethe qwa unozinti weBakgaga – uElvis Chipezeze. Abadlali beBaroka badlale
umdlalo odibeneyo futhi beqinisekisa kwangaxeshanye okokuba abayivumeli iWits
idlale ngendlela yayo yesiqhelo. Unozinti weWits, uDarren  Keet, ebexakekile kakhulu emdlalweni. Ngomzuzu
wamashumi amabini anesixhenxe, uKeet uvale ibhola embi ebisuka kuTebogo Sodi. Kuyiwe
kwixesha lokuphumla kubonakala ukuba abadlali beWits bayaphazamiseka
kukungakwazi kwabo ukufumana igowuli.

UHaashim Domingo
noGift Motupa ngabanye babadlali abathe benza imigudu ebonakalayo kwisiqingatha
sesibini somdlalo. Ingxaki ibinye qha: kukungakwazi ukufaka ibhola emnatheni
ngenxa yabadlali beBaroka abadlale ngokuzimisela okukhulu emva. Iinguqu ezenziwe
nguGavin Hunt azikwazanga ukulinceda iqela lakhe ngale njikalanga yanamhlanje.
ABakgaga baza kudlala ne-Orlando Pirates ngomhla wesibhozo kwinyanga ezayo.
AmaBhakabhaka abethe iKaizer Chiefs ngo’2-1 emdlalweni obuseMoses Mabhida
Stadium izolo.

  

Baroka: Chipezeze,
Semenya, Gebhardt, Makume, Mdantsane, Mabeba, Mosele, Sodi, Dickens (Chivaviro
65′), Chawapiwa, Sibiya.  

Amalalela: Dlamini, Kgoetyane, Madubanya, Chivaviro, Matloga, Patjie,
Nkausu.

Bidvest Wits: Keet, Mere, Hlatshwayo, Mkhwanazi, Nonyane, Monare (Hlanti
71′), Alexander, Domingo, Hotto (Motupa 46′), Dzvukamanja, Macuphu (Murray 65′).

Amalalela: Mhlongo, Ritchie, Hlanti, Pelembe, Motupa, Murray.