Telkom Knockout: Leliphi iqela eliza kuphumelela?

Emdlalweni wokugqibela weTelkom Knockout ngempelaveki eMoses Mabhida Stadium kuza kudibana oongqondongqondo uPitso Mosimane WeMamelodi Sundowns no-Eric Tinkler weMaritzburg United

Ngaphandle kwamathandabuzo, umdlalo wokugqibela weTelkom Knockout ophakathi kweMaritzburg United neMamelodi Sundowns uza kuba semgangathweni ophezulu xa ubani eqwalasela indlela ayihambileyo amaqela omabini.

Umbuzo: Leliphi iqela eliza kuphumelela? Xa kujongwa imbali ebholeni nabadlali bamaqela omabini, kulula ukuthi yiSundowns.

Ewe, ngoba inabadlali abanamava wemidlalo ekwinqanaba eliphezulu xa uthelekisa neMaritzburg engazange yayiphakamisa nakanye indebe yeTelkom.

AmaSandawana aphindela eMoses Mabhida Stadium ngempelaveki apho ayebethe khona iKaizer Chiefs ngo’3-1 phambi kokuphakamisa indebe ngo2015.

UPitso Mosimane namakhwenkwe akhe baza kuya eThekwini, KwaZulu-Natal, benethemba lokwenza into efanayo naleyo bayenza kwiminyaka edlulileyo.

Njengokuba iSundowns ixakekiswe nayimidlalo yeCAF Champions League, kunokwenzeka umqeqeshi wayo enze iinguqu kodwa iintsika zakhe ezifana noHlompho Kekana, uGaston Sirino, uDenis Onyango noAndile Jali oqhuba kakuhle kakhulu kule sizini, kulindeleke zibe khona.

Nangona iTeam of Choice isinde ezembeni kwisizini egqithileyo kodwa uEric Tinkler uyivusile kwaye indawo yesibhozo ehleli kuyo ngoku kwiPSL bubungqina obubonisa umsebenzi omhle awenzayo.

Ukuba iMaritzburg United, esazama ukuthatha iTKO okokuqala, ingadlala ngala ndlela ibethe ngayo iKaizer Chiefs emdlalweni weTelkom ogqithileyo – abantu mabalindele umdlalo onzima.

UKeagan Buchanan ucele abalandeli bebhola KwaZulu-Natal ukuba baphume ngobuninzi babo. “Sifikile emdlalweni wokugqibela.

Besingenzeli thina kuphela, besenzela nedolophu yaseMaritzburg yonke. Siyakuvuyela ukuxhaswa xa sidlalela ekhaya futhi sizimisele ukulwa ukuze isicoco sishiyeke apha KwaZulu-Natal,” utshilo uBuchanan ethetha neentatheli.

Amakhwenkwe kaTinkler aya emdlalweni ekhuthazekile emva kokuba ebethe iPolokwane City ngo’1-0 kwimpelaveki egqithileyo. Umdlalo uza kuqala ngentsimbi yesithandathu emalanga.