Thando Zonke: Sizama ukubuyisa isidima saseZiphunzane

Iimbethi manqindi eziza kulwa ngeCawa uLuzoko Siyo (light skinned) noLindile Tshemese(dark). Kunye namaququzeleli baletumente.. Umfanekiso: Lukhanyo Engilane

Baza kohlukana kubini abalandeli bamanqindi eZiphunzane kule mpelaveki. Iimbethi manqindi zale lokishi
uLuzuko Siyo noLindile Tshemese kulindeleke bafinyisane igazi eCity Hall, ngomhla
wokuqala kwekaTshazimpunzi. IZiphunzane yenye yeendawo ezidume ngokuvelisa
iintshatsheli zodidi oluphezulu. La magatyana ayesakuba ziintshatsheli zoMzantsi
Afrika azakube ezama ukubuyisa isidima sawo kumlo onemijikelo elishumi kudidi
lweJunior Bantam.

Omnye wabaququzeleli
bale tumente uMnumzana uTando Zonke okhokela iTZ Promotions ukholelwa kwelokuba
le milo iza kubuyisa isidima samanqindi seZiphunzane. “Kudala iimbethi manqindi
zaseMdantsane ziwafumana amathuba. Sifuna ukuvuselela amanqindi aseZiphunzane
ngale milo,” utshilo uZonke
.

Le ndedeba ibabongozile
abalandeli bamanqindi ukuba baphume ngobuninzi babo ukuya kule milo. “Iza kutak’
iintlantsi le milo, ingakumbi okaLuzuko[Siyo] noLindile[Tshemese] ngoba lidabi
labakhaya. Mabaphume ngobuninzi babo abathandi bazo zibonela le ngxikela,” utshilo
okaZonke.

Lo kaZonke uthi
ophumeleleyo phakathi kukaSiyo noTshemese uza kufumana ithuba elihle lokulwela
intshinga yoMzantsi Afrika kwakhona. “Omabini la madodana ayeziintshatsheli
zeli lizwe, ophumelele umlo uza kubasethubeni lokuphinda alwele intshinga
yoMzantsi Afrika,” utshilo uZonke.

Omnye umlo ujongwe
ngamehlo abomvu kule tumente ngumlo ophakathi kukaLuyanda Nkwankwa nozakube exhimfana
noNwabisile Qolani kumlo onemijikelo emithandathu kudidi lweJunior-fly. ULuyanda
Ntwanambi waseZiphunzane unyathelana no-Okuhle Ngaka kunye neminye imilo emine.
Le tumente iququzelelwe yiTZ Promotions ibambisene neZulu Sports Promotions bexhaswa
ngumasipala ombaxa iBuffalo City. Imilo iqala ngentsimbi yesithathu emva
kwemini.