Thina sidlalela ukuphumelela, utsho uLuyolo uNomandela

Umdlali weCape Town City uLuyolo Nomandela umfanekiso: Aubrey Kgakatsi/Backpagepix

Elinye lamaqela oyikwayo kule mihla, iCape Town City, lamkela i-Orlando Pirates kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ozakube useCape Town Stadium ngo’20:15 ngoMgqibelo.

IBhakaniya liya eKapa liqhwalela emva kokubethwa ngo’6-0 kwiveki ephelileyo. Lo ngumdlalo wesibini ophakathi kwala maqela, kulowa wokuqala zange kubekho eliphumelelayo.

Kweli ityeli, izinto zingaguquka ngoba kunyanzelekile iPirates ibuyise isidima sayo esidlakazwa ngamaqela adlala kwiPSL. Kwelinye icala, iCitizens, ephantsi kwesandla sika-Eric Tinkler, ifuna amanqaku apheleleyo kulo mdlalo ukuze ibethelele indawo yayo phaya phezulu kwiPSL.

ICape Town City iyahlonitshwa emva kokuthatha iTelkom Knockout kwisizini yayo yokuqala nangokudlala ibhola ephucukileyo. Omnye wabadlali abatsha zintambo kweli qela nguLuyolo Nomandela.

Lo mdlali ufike ekupheleni kuka-2016 uthi la Nomandela waziwayo ubuyile futhi ukulungele ukudlala.

“Ndiyalibulela eli thuba. Kweli xeshana ndilapha, umqeqeshi ukwazile ukundibuyisela kwisimo sam. Umdlalo wam ubuyela kundalashe,” utshilo uNomandela kwincoko neli phephandaba.

“Ukusebenza noTinkler kumnandi kakhulu. Ndiyambulela ngokuba uyandivumela ukuba ndidlale ngendlela yam, nendlela iqela elidlala ngayo ihambelana nomdlalo wam,” utshilo uMayano.

Ephawula lo mdlali ngomdlalo ophakathi kweCity nePirates kule mpelaveki, uNomandela uthe bona (beyiCape Town City) badlalela ukuphumelela ngamaxesha onke.

“Thina sidlalela ukuphumelela kumdlalo ngamnye – kodwa kuzobonakala kulo mdlalo. Asinakuyithatha kancinane iPirates, liqela elikhulu,” utshilo uNomandela.

Uxinizelelo luzakuba kwiPirates kulo mdlalo kakhulu emva kwemidlalo eliqela ingafumani iziphumo ezincumisayo. Lo ngumdlalo wokugqibela ka-Augusto Palacios, ngoMvulo kulindeleke kubhengezwe umqeqeshi osisigxina. Kufuneka izibophe ziqine iBucs emva ngoba abadlali abafana nooLebogang Manyama no-Aubrey Ngoma abahleki phambi kwepali.

NgoMqibelo:

Golden Arrows vs Free State Stars @Prince Magogo Stadium 15:30; Polokwane City vs Ajax Cape Town @Peter Mokaba Stadium 15:30; Kaizer Chiefs vs Highlands Park @Moses Mabhida Stadium 18:00

NgeCawe:

Bloemfontein Celtic vs Chippa United @Dr Molemela Stadium 15:30