Thlopane Motsepe: Silwela ukugqwesa ngamaxesha onke!

USihlalo weMamelodi Sundowns, uThlopane Motsepe, uthi uza kuthi gqolo emxhasa uRulani Mokwena kwiinzame zakhe zokuphumelela iCAF Champions League. Oku ukuthethe emva kokuba iSundowns iphakamise indebe yeDStv Premiership ngorhatya lwangoMgqibelo ogqithileyo.

Ukubhiyoza kwayo iSundowns kuphazanyiswe kancinci kukubethwa kwayo yiCape Town City ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership wokugqibela obubanjelwe eLoftus Stadium. OkaMotsepe ugxininise okukhe kwathethwa nguMokwena ocele ukunikwa ithuba ngabalandeli ukuze aphumelele iChampions League.

“Sakusoloko sisilwela ukugqwesa ngamaxesha onke. Lo nto yindlela yethu yokuphila. Ukuba asilibeki phezulu ithemba lethu, sakube asenzi okuhle kuthi. Sizibonile ukuba siyasondela ekuphumeleleni iChampions League. Into efunekayo kukuzama side sifike emdlalweni wokugqibela weChampions League.

“Ndicinga ukuba sinaye umqeqeshi nabadlali abanokuyenza into esiyifunayo. Singakhula side sibe liqela esilifunayo,” utshilo uMotsepe emva komdlalo obusePitoli ngempelaveki egqithileyo. Nangona iSundowns ikhutshwe yiEsperance de Tunis – kodwa ixoliswe kukuba yaphumelela iAfrica Football League.

Ibikokwesibini uRulani Mokwena ephumelela indebe yeDStv Premiership njengomqeqeshi oyintloko weSundowns emva kokuthatha iintambo kuManqoba Mngqithi olisekela lakhe ngoku. UMotsepe uthethe kamnandi kakhulu ngomqeqeshi wakhe emva kwesizini ebintle neyixakekise kakhulu iSundowns.

“Ndiyakholwa kakhulu ngumqeqeshi wethu. Njengenkokeli esakhulayo, uMokwena uzinike uxanduva lokusebenzela iSundowns. Ubungqina bubonakala kwindlela iqela lethu elidlala ngayo ebaleni. Aza kukwenza kwisizini elandelayo kokuhambisana ncakasana neqela,” utshilo uMotsepe.

Emva kokudlala kakuhle kweSundowns eyophule irekhodi layo, kulindeleke ukuba igqugqise ebholeni yaseMzantsi Afrika kwakhona kwisizini ezayo. Iwe phantsi nePirates ebekujongwe ukuba ingakhuphisana nayo ekuqaleni kwesizini esongiweyo.

Kwelinye icala, iChiefs yona iqhwayele emva mpela phantsi kukaCavin Johnson. Isajonge ukuphakamisa enye indebe iSundowns eza kuswantsulisana nePirates emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup oza kube useMbombela Stadium emalanga ngomhla wokuqala. Ukuba iphumelele, iza kuthatha inani lee ndebe iyokulibeka kwisithathu.