Tlhopie Motsepe: Abadlali bayazifunela ukuza kwiSundowns

UHlompho Kekana ewongwa nguThlopie Motsepe emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi kweMamelodi Sundowns naMaZulu obuseLoftus Versfeld Stadium. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iphinde yavumbuluka ingxoxo ngendlela ethenga ngayo abadlali iMamelodi Sundowns, ngamanye amaxesha ingabadingi. Kwimpelaveki egqithileyo, iSundowns ibhengeze uTerrence Mashego njengomdlali wayo omtsha. UMashego uthengwe kwiCape Town City ngemali eqikelelwa kwizigidi ezilishumi zerandi ngokokutsho kwabasemfuthweni wolwazi. Nangona iSundowns isaziwa ngokuthenga abadlali abasemgangathweni – kodwa yothuse umzi ngokuthenga uMashego inabo abadlali abafana noLyl Lakay no-Aubrey Modiba. Ecacisa ngomdlali weDowns omtsha, uRulani Mokwena, uthethe wenjenje: “Eli thuba lokuthengwa kwabadlali liyamangalisa. Amanye amaqela awaqinanga kwicala lezezimali. Konakona besingenaso isicwangciso sokuthenga umdlali odlala emva kwicala lasenxele,” utshilo uMokwena emva kokuba iDowns ibethe AmaZulu ngo’1-0.

“Besiba sakube sigqibile ukuthenga abadlali abatsha – kodwa kuthe xa kuthiwa uyafumaneka umdlali okhethekileyo njengoMashego, kwanyanzeleka senze imigushuzo. Asimthathanga kuba kukho ingxaki kwaba sinabo abadlali, simthathe ngoba uMashego ungumdlali okhethekileyo,” utshilo uMokwena. Abalandeli bebhola ekhatywayo bayityhole iSundowns ngokuthenga umbumbumbu kuba ifuna ukutheza amandla amanye amaqela akhuphisana nayo kwiDStv Premiership. UMongameli weSundowns, uTlhopie Motsepe, uzigalele amanzi iintetha zabantu ngelithi ngabadlali abafuna ukuza kwiqela lakhe kuba bebona ukuba liguqula ubomi babantu ebholeni. “Andazi nokuba izigxeko ezi zisukaphi na. Ngabadlali abafuna ukuza kwiSundowns kuba bebona ukuba ingabuphucula ubomi babo,” utshilo uMotsepe.

Ukuthethe oku ewonga uHlompho Kekana obeke phantsi kwisizini ephelileyo emva kokudlalela iSundowns iminyaka elishumi yonke. “Besikhe sasikelelwa bubukho bomdlali okhethekileyo ofana noHlompho Kekana apha kwiSundowns. Ebekhuphisana noTeko Modise noTiyani Mabunda. Ndizama ukuthi abadlali bafuna ngokwabo ukuza kwiSundowns ngoba bafuna ukuphucula ubomi babo nokuzuza izinto okanye iindebe ebholeni,” utshilo uMotsepe ekuvakala ukuba uchithe amashumi amahlanu ananye ezigidi zerandi kuMarcelo Allande waseChile odlalela iDowns ngoku. Emva kokutyikitya ibathwana labadlali kule sizini, kulindeleke ukuba iSundowns ikhulule abadlali abaliqela phambi kokuvalwa kwenyoba yokuthengiswa kwabadlali namhlanje.