Tyirha: Ladlula ixesha likaJoyi, ndim ngoku!

Inkokheli yeXaba Promotions, uAyanda Matiti, kulindeleke isingathe enye ingxikela yamanqindi eMonti ngempelaveki egameni lokubhiyozela inkululeko yoMzantsi Afrika Umfanekiso: Xaba

Ufunge wamunc’intupha owayesakuba yintshatsheli ye-IBF kwihlabathi, uNkosinathi ‘Mabhere’ Joyi, ngelithi uza kumthi qwakaqwaka uNtlantla Tyirha.

Ezi mbethimanqindi ziza kungombana emlweni oququzelelwe yiXaba Promotions noza kube useOrient Theatre ngenjikalanga yangeCawa.

UJoyi, obeka intshinga yakhe yeWBO Africa kudidi lweJunior Flyweight esichengeni, uthi uqinisekile ukuba umlo ngeke uthathe ixesha elide.

“Okukuqala mandibulele iXaba Promotions ngokundinika eli thuba. Intle into eyenziwa yiXaba; basigcina sisilwa. Eyona nto ebalulekileyo kwiimbethimanqindi. Ndiwulungele umlo. Ndiqinisekile ukuba sobe sifike kumjikelo weshumi elinesibini. Ndiza kumwisa uTyirha,” utshilo uJoyi.

Naye kwelakhe icala, uTyirha uthi ladlula ixesha likaMabhere emanqindini.

“Ladlula ixesha likaMabhere. Lixesha lam eli. Sizilungiselele ngokupheleleyo. Siyamazi ukuba uza kufuna ukuza phambili oko,” utshilo uTyirha.

UJoyi, 35, uphumelele imilo engamashumi amabini anesithandathu kwengamashumi amathathu anesibini.

Ubethwe kwimilo emihlanu kuphela. Iimbethimanqindi ezilishumi elinesibhozo zange zifike kumjikelo wokugqibela. UJoyi uphumelele intshinga yoMzantsi Afrika, eyeIBO, iWBC International, iWBA International neIBF.

UTyirha, 19, wothusa umzi xeshikweni ephumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweJuniorfly ngokungqengqisa uBongani Silila kumlo wesine kudidi lwabahlawulwayo.

Le ndedeba ikhe yayintshatsheli yoMzantsi Afrika neAfrika xeshikweni isadlala kudidi lwabangahlawulwayo. Ukuba uTyirha angaphumelela ngempelaveki, ingamthatha imbeke endaweni entle kwihlabathi.

Eminye imilo: uAthenkosi Dumezweni waseMthatha uza kulwa noJonas Sultan wasePhilipine kwiWBC Silver yodidi lweJunior BantamWeight.

UYanga Sigqibo uza kuqhekezana noAntonio Guzman waseVenezuela kumlo weWBO International kudidi lweJunior Bantamweight.

UJackson Chauke uza kukhusela intshinga yoMzantsi Afrika yodidi lweMpukane kuThabang Ramagole.

USinethemba Kotana uza kulwa noSibusiso Twani.