Amehlo abalandeli bombhoxo, asathe nca kumbutho olawula umbhoxo kweli, i-SARU.
Oku kumayelana nokuqeshwa komntu ozakuthi avale indawo eshiywe nguHeyneke Meyer, njengomqeqeshi weSpringbok.
Owayesakuba ngumqeqeshi weStormers, neWestern Province * -Allister nguye ekukholeleka ukuba angaba ngumqeqeshi weSpringbok. Kulindeke ukuba esi sibhengezo sikhulu senziwe yiSARU, ngo-Epreli walo nyaka.
ISARU ibithe kwiveki ephelileyo, ayizokwenza sibhengezo kuwonke-wonke mayelana nenkqubo yokukhangela umqeqeshi. Into abazakuyenza kukuya ngqo kulo mntu bambona efanelekile ukuthatha iSpringbok asise empumelelweni.
Abalandeli abaninzi bakholelwa ukuba, kufike ixesha lokuba kungenelele umqeqeshi wangaphandle ahlangule iSpringbok. Kodwa eyonanto icacileyo kukuba uMzantsi Afrika awukalungeli ukuqesha umntu osuka ngaphandle. Eyonanto ibangela le nto ziipolitiki eziqhubeka kwimibutho yombhoxo kweli efana neBlue Bulls, iGolden Lions, KwaZulu-Natal kunye neFree State.
Ngenxa yemiceli mngeni efana nale, i-SARU kulindeleke ukuba ikhangele umqeqeshi walapha eMzantsi Afrika. Njengomntu ozakuthi aziqonde zonke izinto eziqhubekayo kumbhoxo weli lizwe.
Nangona ingabonakali eyona ndawo, ime kuyo i-SARU. Kodwa uCoetzee ngoyena uhamba phambili kwaba bagqatswa. Xa ethe wade waqeshwa, lo nto ingathetha ukuba ungaqala umsebenzi wokulungisa iSpringbok, sibuyela kundalashe.
Nangona uMeyer waye wathandwa ngabantu abaninzi, emva kokuhamba kukaJake White ngo2007.
Akakwazanga ukuyenza into ibilindeleke kuye.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro