U-Igesund utyale ulwazi kwabakhulayo eKhayelitsha

Abadlali beBukumkani FC bafunxe ulwazi kuGordon Igesund ochithe ixesha nabo kuqeqesho obe luseHarare, eKhayelitsha Umfanekiso: uthunyelwe

EKapa:

Ibiyimincili yodwa kubadlali beqela lebhola ekhatywayo, iBukumkani, ngethuba befumana ithuba lokufunxa ulwazi kutshanje ngeendlela zokudlala ibhola kumakhwekhwetha owayeqeqesha iBafana Bafana ifunda – uGordon Igesund. Oku kwenzeke kwiseshoni yoqeqesho yabadlali abangaphantsi kweminyaka elishumi elinambini eqingqithe iiveki ezisibhozo kwindawo ekuthiwa yiHarare, eKhayelitsha.

“Ndiwabhebhethele kude amathuba engqesho kuba ndifuna ukwabelana ngolwazi nabadlali bebhola abasakhulayo nabajonge lukhulu kwibhola ekhatywayo,” utshilo uGordon Igesund.

Uthe ufuna ukugxila ekuqeqesheni abantwana abazimiseleyo ukudlala ibhola kuba kubalulekile ukuba bafumane uqeqesho khon’ukuze babe ngabadlali abaphume izandla nokuba abadanga bafikelela kumaqela aphambili ebhola ekhatywayo.

Oka-Igesund uthe le yimbewu abayityalayo kwangoku ebantwaneni beselula. “Le yindlela yokubakhwebula ukuze bangayantazi ezitalatweni bengenanto yokwenza kuba oko kungakhokelela ekutshayeni iziyobisi,” utshilo uIgesund, ozimisele ukwenza umahluko kwihlumela labadlali abatsha.

Omnye wabadlali beBukumkani FC, uAnitha Bhelesi (12), uxelele I’solezwe lesiXhosa indlela aziva ngayo ngoqeqesho.

“Ndifunde lukhulu ngendlela yokudlala ibhola. Sifunde ngokubaluleka ngokunikelana ngokukhawuleza noogxa bam ebaleni ukuze sifumane amagowuli ngokukhawulezayo xa siqubisene namanye amaqela,” utshilo uBhelesi.

Umqeqeshi weli qela laseHarare, uThembinkosi ‘Terror’ Hena, uthe:

“Ndiyazingca ngemfundiso endiyifumene kuGordon Igesund kuba nam ndifunde lukhulu kuye ngoba unamava kwibhola ekhatywayo. Injongo yam kukunqwanqwada abantwana bangahendwa zizinto zolwaphulomthetho ezingakhokelela ukuba kutshabalale amaphupha wabo,” utshilo uHena.

Ongumanejala kwibala leGrass Roots, uTony Gubesa, uthe le ndawo yindawo apho kuxonkxwa khona ikamva labantwana kwibhola ekhatywayo.